Zidiza iminqweno yazo iinkokeli zabafundi eFort Hare, eDikeni

Iinkokeli zabafundi kwiiyunivesithi ezithatha inxaxheba kwinkomfa engenguqu kwimfundo ephakamileyo ebanjelwe kwiYunivesithi yaseFort Hare zithi zinethemba ukuba kukho imfuneko emandla yenguqu kula maziko.

Le nkomfa intsuku-ntathu, nephele izolo, ibijoliswe ukupheka amacebo okusebenzisa amaziko emfundo ephakamileyo ukutshintsha imeko yentlalo. Usihlalo wegqiza elikhokele abafundi eFort Hare uBulali Rawana uthi ikho ngenene imfuneko yezi nguqu kula maziko.

“Ukuba uhlobo lemfundo esiyifunda apha alenzi nguqu kwimpilo nentlalo yabantu abangakhange beze kufunda bona, akukho mfuneko yokuba sifunde kula maziko,” uthethe watsho uRawana.

Uthi impucuko yentlalo yabantu ingenzeka ngenxa yentsebenziswano phakathi kwamaziko emfundo ephakamileyo, urhulumente kunye noluntu ngokubanzi. Iinjingalwazi eziphuma kumaziko emfundo ephakamileyo ziqhekeke intloko zizama ukufumana amaqhinga oku ingajikwa njani imfundo ukuze incede ukujika intlalo. Othethe egameni legqiza labafundi kwiyunivesithi yaseFreyistata uMpho Khati uthi, ngenxa yale nkomfa kumele ukuba la maziko aphelise ifuthe laseNtshona kuhlobo lemfundo elinikwa abafundi.

“Imbali yethu ibonisa ukuba kukho izinto ezininzi ezingeyo- nyani, ngoku sizakufumana ithuba lokuba sinikwe ulwazi olunyanisekileyo ukutshintsha intlalo ngokubanzi,”uthethe watsho uKhati.

Le nkokeli ithi okona kubalulekileyo kukuqinisekisa ukuba izigqibo ezithathwa kule nkomfa ziqhutyelwa phambili ukuze zenziwe. Ziinkokheli zabafundi eziphuma kwiiYunivesithi eziquka iFort Hare, iYunivesithi yeNtshona Koloni, UFS kunye neWits ezithe zanikwa ithuba lokuba zithathe inxaxheba kule nkomfa ngelizama ukufumana isisombululo.

Ukuvulwa kwale nkomfa uGqirha uMvuyo Tom oyinqununu yaseFort Hare uthi banethemba lokuba iziphumo ezizakuthathwa apha zizakuvula indlela.

“Into ebalulekileyo ngezi nkomfa kukuba ziphume nezigqibo ezithi ngenene ziguqule intlalo njengoko kucetyiwe,” utshilo uTom.

Le nkomfa ivaliwe izolo emva kokuba injingalwazi noogqirha abaphuma kwiiyunivesithi ezahlukileyo ehlabathini nakumazwe aseAfrika ethe adibanisa intloko. Umphathiswa wesebe lophuhliso lomgaqo siseko nezobulungisa uMicheal Masuta uphakathi kwabo bathe benza intetho ephambili bethulula amacebo okusebenzisa la maziko ukuze kuguqulwe intlalo yabantu.