Zifa yindlala izigulana kwisibhedlele saseGcuwa

Zinyanzeleka ukuba zithenge ukutya ngokwazo iintsapho zezigulana kwisibhedlele saseGcuwa ngenxa yokuba esi sibhedlele sinamaxesha okuba kungabikho ukutya.

Ingxelo ithi ukunqongophala kokutya kwesi sibhedlele yinto eqhelekileyo kwaye unobangela ibakukusilela kwesibhedlele ukuhlawula iinkampani ezibathengisela ukutya.

Umongikazi ongavumanga ukuba lidizwe igama lakhe uyangqina ukuba ikhona kwaye ixhaphakile ingxaki yokuba zingabi nanto yakutya izigulane kwesi sibhedlele.

Xa ndivayo kwaba basebenza ekhitshini bathi le ngxaki ibangelwa kukuba iikampani ezihambisa ukutya oku kuphekwa apha azibhatalwa ngexesha ngoko ke ziyeke ukuzisa ukutya,”uthethe watsho lo mongikazi.

Kuthiwa uninzi lezi nkampani zivelisa imifuno edlala indima ephambili kukutya okunikwa ezi zigulane.

Amaxesha amaninzi esi sibhedlele sithumela izigulane zaso kwizibhedlele ezikufutshane eziquka iFrere kunye neSt Domics ngenxa yengxaki yokubinazo izixhobo ezincedisa inkqubo yokunyanga izigulane.

UThembisile Mpengesi uthi yena unawakhe amava ahlukileyo ngesi sibhedlele, eyam ingxaki mna apha ngamanzi abandayo okanye afudunyezwa ngala nto kuthwa yi URN, lo nto yenza ukuba ngenye imini siwafumane ebanda.” Ekuqaleni kwalo nyaka inkulumbuso yephondo uPhumullo Masualle uthembise ukuba esi sibhedlele siphakathi kwezibhedlele ezizakunikwa ingqwalasela ngurhulumente wephondo.

Ngabantu abaqikelelwa kumakhulu amabini amawaka abasebenzisa esi sibhedlele nje- ngethemba labo lokugqibela lokufumana iinkonzo zempilo.

Eli ziko mpilo lineebhedi ezikumakhulu amathathu namashumi amahlanu kuphela. Ngonyaka ka 2004 inkosikazi yaseGcuwa yamangalela esa sibhedlele emva kokuba izele umntwana okhubazeke ngengqondo.

Le nkosikazi yayityhola esa sibhedlele ngelithi asikhange sikhathale ngethuba yayilunywa izakuzala unyana wayo eyamzala sele ekhubazekile.

Ukunqongophala kobuchule noomatshini abafanelekileyo kwesi sibhedlele kusabangela ukubhubha kwabantu abangena kweli ziko.

Oyintsupa yesi sibhedlele uGqirha Yose uthi akakwazi kuthetha ngalo mcimbi esithi kumele ukuba ibengumlawuli jikelele onokuthetha ngalo mcimbi.