Ukubhala iimviwo zebanga leshumi yenye yezinto ezibaluleke kakhulu kumntu okhulayo ofundayo, ukuphumelela ezi mviwo ngumnqweno omkhulu.
UMalusi udize ukuba ukulungele ukubhalwa kwezi mviwo kuzwelonke nekulindeleke ukuba kuqale ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga yeDwarha.
Ingxelo kaMalusi iqinisekisa ukuba ngabafundi abakumashumi alithoba namashumi amabini amawaka abazakuchophela ezi mviwo.
Nangona kunjalo uninzi lwabantwana abahlala ezilalini kwiMpuma Koloni bantyumpantyumpeka edakeni kwezi ntsuku zemvula.
UGqirha Rakometsi ongumlawuli weMalusi uthi bakulungele ukwenza lo msebenzi ngaphandle kweengxaki. “Silungele ukwenza nje ngesiqhelo, zonke izinto zime kakuhle kumaphondo onke oMzantsi Afrika,” kutsho uRakometsi.
Uthi ngamaziko akumawaka amathandathu namakhulu amathathu azakusetyenziswa ukubhala iimviwo zokuphela konyaka zebanga leshumi.
“Ngamakhulu amahlanu anamashumi amahlanu amaziko abucala ekulindeleke ukuba asetyenziswe ukuchophela ezimviwo,” uqinisekise watsho uRakometsi.
Minyaka le aba bafundi bagagana neengxaki ezahlukeneyo emva kokuba besebenze nzima ukusukela ekuqaleni konyaka bekhangela indlela yokuphumelela ibanga leshumi.
Ingxaki yokuthuthwa kwabo bahamba imigama emide, iingxaki zokufika kade kweencwadi nokunqongophala kootitshala zezinye zengxaki zabo.
“Senze amacebo okuzama ukuthintela ukucima kombane ezikolweni ngexesha lokubhalwa kweemviwo, sifune ijanareyitha zokuncedisa xa unokucima umbane,” utsho uRakometsi.
Uhambisa athi ingxaki zempazamo ezikhe zifunyanwe emaphepheni nazo baziqwalasele ngamandla benguMalusi.
“Amaphepha ajongwe ngokwaneleyo ukuqinisekisa ukuba awanazimpazamo, asifuni kubona zimpazamo konke konke kulo nyaka, ingakumbi kumaphepha,” ucacisa atsho uRakometsi.
Indlela ashicilelwe ngayo amaphepha kwanendlela ahanjiswa ngayo kumaphondo namaziko ahlukeneyo nayo iqwalaselwe ngoku kodwa.
“Sisebenze nzima kakhulu ukuqinisekisa ukuba yonke into ihambe ngendlela, sisebenza ngekamva labantwana apha,” kutsho uRakometsi.
Kumiselwe imeko yezokhuseleko esemgangathweni ophezulu kakhulu ukuqinisekisa ukuba amaphepha weemviwo awahambi kwizandla ezingafanelekanga.
Iziphumo zemviwo zebanga leshumi ziphuma ekuqaleni konyaka ngeli lungiselela abafundi ukuba bakwazi ukuya kufika kumaziko emfundo ephakamileyo kwange xesha.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike