Zifudukela kwelinye iphondo iiSATMAs!

Imbongi nemvumikazi uJessica Mbangeni kumawonga weeSATMA. Umfanekiso: SATMA

Kapa: Ziphehlelelwe ngokusesikweni iimbasa zomculo wesintu
zeshumi elinesibini –
 iiSATMAs kwiphondo
leNtshona Koloni. 

Lo msitho wokuphehlelelwa kwezi mbasa ubusingathwe kwiziko
lembali kwisiqithi i
Robben
Island,
 nalapho ubuzinyaswe
ngabantu abaphuma kumaphondo awohlukeneyo ekuquka iMpuma Koloni, uMntla Ntshona
neKwaZulu Natal.

Iindwendwe zamkelwe ngumphathi kwicandelo leentengiso
kwesa siqithi uBongiwe Zeku, nothe “Kuluvuyo newonga kuthi kwesi siqithi ukuba
sifumane ithuba lokusingatha lo msitho ubaluleke kangaka, ingakumbi kulo nyaka
wokuba eli ziko lembali ligqiba iminyaka engamashumi amabini lasekwa.”

Umqulunqi wezi mbasa uDumisani Goba,  uwise nje amazwi ambalwa
esithi “Nanjengoko ezi mbasa zikhula, siyazingca ngomahluko eziwenzileyo ezimpilweni
zabantu abaninzi, ekungezomvumi nje kuphela, kodwa abo basebenza kuzo
nakoosomashishini. Ndimema bonke abantu baqhwabe izandla nanjengoko sizakube
sivuyisana namagqala omculo weli.”

Kulo msitho kudizwe uBothlale Boikanyo njengonozakuzaku
wezi mbasa.

Le ntwazana ineminyaka elishumi elinesithandathu ubudala nedlala indawo ka-Omphile kwiScandal ithi: “Kuliwonga ukuba ndichongwe njengonozakuzaku
wezi mbasa kuba kum zimele ingcambu zobu Afrika kwanesintu sethu zikhuthaza
kananjalo ukubaubani angayilabali imvelaphi yakhe.”

Kwakulo msitho kudizwe ukuba iimbasa zale minyaka mithathu
ilandelayo zakusingathwa kwiphondo loMntla Ntshona eMahikeng Bokone Bophirima. 

Kubantu ebebezimasile kuquka ikumnkani yamaXhosa uZwelonke Sigcawu kwakunye nabalingisi
beenkqubo ezahlukeneyo kumabonakude.

Iimbasa zakuba ngomhla wokuqala kweyeDwarha eMahikeng, kwaye
iminxeba yokonyula abo bazakungenela kukhuphiswano lwazo sele ivuliwe kwinombolo engu-34066.