Zifuna intlawulo iibhodi zeelali

Inqila nganye elalini ibanobhodi oncedisana nosibonda kunye neNkosi kwimiba yasekuhlaleni.

Aba ngootata abathi baqinisekise ukuba imiba ethile bayisombulula ngokwabo phambi kokuba iye kwiNkosi okanye usibonda, susela zathi zasungulwa iibhodi, akukho sibonelelo senyanga nenyanga bathi basifumane.

Kungoku nje oku kungabikho kwesibonelelo kubenza bancwine ngoba besithi umsebenzi wabo ubonakala ngokungathi awubonakali okanye awubalulekanga. Iincwina ezi zikhokelele ekubeni iibhodi zeedolophu eziliqela esingabala ukusuka eLady Frere, Centane, Dutywa nezinye ukuyoma ngeMount Fletcher zithe zasungula umbutho obizwa CONTRAVICOLSA (Congress of Traditional Village Community Leaders of South Africa) nondlunkulu yawo iseNgcobo.

Ilungu lalo mbutho elingubhodi kwilali iBeyele eNgcobo uStanford Mantwana uthi, iiNkosi nezibonda ziyahlawulwa nabo bafanele ukuba bafumane isepha nokuba yinto engakanani baza kuyamkela.

UMantwana uthi ‘’sibeka ubomi bethu esichengeni mihla le xa kubanjwe isela okanye isidlwengu ngobusuku abantu belali basizisa kubhodi basishiye bayolala ezindlini zabo babuye ngomso, mna bhodi kunyanzeleka ndingalali ndijongane nalo, usibonda neNkosi balele ngelo xesha kodwa baza- kuhlawulwa’’.

Isikhalo sabo basithumele kwi-ofisi kamphathiswa wemicimbi yeenkosi uFikile Xasa nekulindeleke ukuba aze kuphulaphula esi sikhalo ngomhla weshumi elinesibini kwinyanga kaMeyi.

Ubhodi uMantwana uthi bafihle induku emgqubeni, ukuba le ntlanganiso ayizi nazisombululo bazakonyukela kwinqanaba elilandelayo de umsebenzi wabo abawenza ngokuzinikela uthathelwe ingqalelo bavuzwe ngawo.