Zifuna izithintelo kuWhatsApp iinkampani zonxibelelwano

ZIFUNA imithetho ehlawulisa amakhasi onxibelelwano afana noWhatsApp kwakunye noSkype iinkampani zonxibelelwano kweli.

Inkampani yakwaMTN ikunye noVodacom zibambe indibano kwakunye nekomiti yezonxibelelwano kwipalamente yeli ngelifuna imiqathango ngendlela asebenza ngayo la makhasi.

Zikhala ngeendleko ezibangwa ngala makhasi kumoya wonxibelelwano weemfonomfono nangelithi akukho ntlawulo ayenzayo ngokusebenza kwawo kweli.

Iqumrhu lezonxibelelwano kweli i-ICASA lithi ukubalukeka kwendima edlalwa ngala makhasi mayiqatshelwe phambi kokufakwa kwezithintelo ekusebenzeni kwawo.