Oku kuza emva kokubiwa kweegusha ezingamashumi asixhenxe anesixhenxe (77) eHlobo ngoLwesibini. UManatha uthi iigusha ezifunyenweyo okwangoku zingamashumi amahlanu anesihlanu (55).
“Ezigusha zifunyenwe kwiyadi ethile endala eBityi. Akekho umntu osele ebanjiwe malunga noku. Uphando lwethu lusaqhuba,” utshilo uManatha.
Ukubiwa kweegusha kuthande ukuqatsela kwimimandla yasezilalini eMpuma Koloni. Kwinyanga yeThupha kulo nyaka, amapolisa akuGatyana abambe amadoda amabini kwilali iDadamba kuGatyana emva kokufunyanwa eneegusha ezingamashumi amathathu ananye (31) ezazibiwe eTaleni eDutywa.
Iigusha ezazibiwe eTaleni zazingamashumi amane anesihlanu (45). Amapolisa akholelwa ukuba la madoda mabini azithengisa ezinye iigusha. Ityala la lamadoda (uFuthile Nqanarha [53] noMayenzeke Mbidlana [31]) lisaqhuba.
IPirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha eMoses Mabhida Stadium!