Zigade kwisifo somhlaza

Ukusweleka komsasazi wodumo uXolani Gwala esaze ngobuso ezweni kubangela ukuba siphose ingqwalasela engakumbi kwisifo somhlaza nakuzo zonke izifo ezichaphazela amadoda.

Kaloku le nyanga yeNkanga ichongwe lisebe lempilo njengethuba lokuphonononga izigulo ezigxile kootata.

UGwala usutywe kukufa emva kokungcungcuthekiswa sisifo somhlaza wesisu iminyaka emibini.

Minyaka le, kufakwa imipoposho nezibhengezo ezikhuthaza amadoda ukuba enze imigudu yokuhlala esempilweni, afune uncedo kwakamsinya apho kufumaniseke ukuba ayachaphazeleka.

Kwenziwa amaphulo okonyusa iingxowamali ngokuthi kubalekwe, kuhanjwe bambi bade bachebe neendevu kwilinge lokulwa nesifo somhlaza.

Iingxelo ezipapashwe ngabakwa Cancer Association of South Africa (Cansa) zibonisa ukuba umhlaza ohlasela idlala lobudoda (prostate) ngowona ugqugqisayo ehlabathini ngokubanzi, kukho iimpawu zokuba elo nani liyenyuka nalapha eMzantsi Afrika.

Uqikelelo lubonisa ukuba indoda enye kwalishumi elinesithoba isesichengeni sokuba ifunyanwe ngulo mhlaza. Ukanti uphando lubonise ukuba amadoda antsundu ngawona anethuba elikhulu lokufunyanwa ngulo mhlaza.

Kuqikelelwa ukuba ngowama2025, inani labantu abachatshazelwa ngumhlaza jikelele liyakwenyuka, emadoden iya kuba ngumyinge we50% logama koomama iya kuba ngu40%, aya kuthi la manani aphindaphindane ngowama2040.

Oku kubanga ixhala ngokwenene. Esi sifo asikhethi hlanga, sini naminyaka. Ngethuba wayethetha eGordon Institute of Business Science nyakenye uGwala wathi. “Ndiyeyona ndoda isempilweni kwaye anditshayi. Ndisandula ukugqiba iLondon Marathon.

“Andiseli kwaye nditya ukutya okusempilweni…kodwa ndothuswe ngumhlaza osele uqandusele. Lilonke kufuneka silixabise ithuba lokuphila esinalo.”

Kodwa likhona ithemba kuba iSebe lezeMpilo linezicwangciso zokulwisana nomhlaza kwilizwe ngokubanzi kwaye wonke umntu unakho ukufumana uncedo kufuphi kwindawo ahlala kuyo.

Njengokuba sithokombise iintloko sizilele umfo kaGwala “kufuneka silixabise ithuba lokuphila esinalo” kwaye siyikhawulezelele into enokwenza nempilo yethu.

Zihlole rhoqo, phila ubomi obucocekileyo.