Abacuphi becandelo lokukhuselwa kwabantwana nolwaphulo mthetho lwezesondo, iFamily Violence Child Protection and Sexual Offences Emaxesibeni (eyayisaziwa njengeMount Ayliff) baqinisekise ukubanjwa kwezidlwengu ezithathu. Indoda eneminyaka engamashumi amane (40) ubudala, eneminyaka elishumi elinesibhozo (18) kunye neshumi elinesithoba (19) ubudala baza kuqamela ngenqindi entolongweni emva kokufunyanwa benetyala lokudlwengula kwiziganeko ezibini ezahlukeneyo ngoLwesihlanu, umhla wesithandathu (6) kweyeDwarha ka2023.
Le ndoda eneminyaka engamashumi amane (40) yaseNtabankulu igwetywe ubomi entolongweni ngenxa yokudlwengula umtshana wayo oneminyaka esixhenxe (7) ubudala. Isithethi samapolisa, uCol Priscilla Naidu, uthi umntwana oyintombazana wadlwengulwa kwinyanga yeNkanga ka2021 ngumalume wakhe bebodwa endlini.
“Wabanjwa wahlala eluvalelweni de kwagqitywa ityala. NgoLwesihlanu, umhla wesithandathu (6) kweyeDwarha ka2023, ubulungisa buye benziwa xa wayegwetywa kwinkundla yeNgingqi yaseMount Frere,” utshilo uNaidu.
Kwesinye isiganeko, esibandakanya ixhoba elineminyaka elishumi elinesithathu (13) ubudala, abafana ababini abaneminyaka elishumi elinesibhozo (18) kunye neshumi elinesithoba (19) ubudala bagwetywe kwakula nkundla ngokudlwengula intombazana eselula eMbizana kwinyanga yeSilimela ka2019.
“Ixhoba larhuqwa ngulo mfana oneminyaka elishumi elinesithoba (19) ubudala ukuya kwigumbi lokulala lomfana oneminyaka elishumi elinesibhozo (18) apho laxhatshazwa ngokwesondo ngulo mfana oneminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala waze wadlwengulwa ngumfana oneminyaka elishumi elinesithoba (19) ubudala.
“Umfana oneminyaka elishumi elinethoba (19) ubudala wafunyanwa enetyala lokudlwengula kwaye wagwetywa iminyaka elishumi (10) entolongweni ngelixa otyholwa naye wagwetywa iminyaka emihlanu (5) ngokuxhaphaza ngokwesondo,” utshilo uNaidu.
UMkomishinala wesithili saseAlfred Nzo uMajor General Nompumelelo Majikijela uwuncomile umsebenzi omhle owenziwe ngabecuphi kula matyala.
“Impumelelo yala matyala kubalelwa kuphando olunzulu ngabacuphi. Abashiyanga nto, baqokelele ubungqina obuquka ukuhlalutya zonke iinkcukacha ukuze bakhe ityala elomeleleyo ngokuchasene nabenzi bobubi. Izibophelele iSAPS ekulandeleni ubulungisa ngokungadinwayo kwixhoba, kwaye abo benza ezi zenzo zingathethekiyo baya kujongana nengalo yomthetho,” utshilo uMajor General Majikijela.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo