Ziinyanga zintathu belinde ukungcwaba isidumbu sikamatshonisa

Mqondisi Gunya

ZIINYANGA zintathu usapho lakwaGunya eAddo, kufuphi naseBhayi, lulindele iziphumo zovavanyo-gazi (DNA) emapoliseni kulandela ukubulawa ngokumasikizi kukaMqondisi Gunya kweyeNkanga nyakenye.

UMqondisi (36) wayeqhuba imoto yakhe esuka eMotherwell eBhayi esingise eAddo ngoqhizi ngomhla wesibini kweyeNkanga kunyaka ophelileyo ngethuba egagana namadoda angaziwayo ekukholeleka ukuba amgebenga emva koko amtshisa nemoto leyo.

Iingxelo zithi, abazidlulela ngeemoto babona kulephuza amalangatya kwimoto kaMqondisi, obekushishino lokuba ngumatshonisa – into ethetha ukubolekisa ngemali ezalayo.

Amapolisa aseSwartkops, isikhululo esikufuphi kwindawo yexhwayelo, afika uMqondisi sele etshe kakhulu, kukho iintshiyekela zamathambo akhe.

Kuvavanyo-gazi lokuqala olalenziwe kusuku emva kwesiganeko, usapho lakwaGunya laxelelwa ukuba iziphumo zakuthiwa thaca emva kweenyanga ezintathu.

Kodwa olu sapho luphinde labizwa ngamapolisa kutshanje, laxelelwa ukuba kufuneka kwenziwe olunye uvavanyo-gazi kumntwana kaMqondisi.

Umkhuluwa kaMqondisi uMziwamadoda Gunya uthi banqwenela ukuva ukuba kwenzeka ntoni kumninawa wakhe. “Noxa sisalinde iziphumo zeDNA sinqwenela ukuva ukuba lumanxa luphi uphando ngokugetyengwa komninawa wam,” utshilo uGunya.

UGunya ucinga ukuba ukubulawa kukaMqondisi kwayamene neshishini lakhe lokubolekisa ngemali ezalayo.

Isithethi samapolisa ale ndawo uConstable Mncedi Mbombo uthi abacuphi bayaqhuba nophando malunga neli tyala. UMbombo ukwathe basalindele iziphumo zeDNA nangadizanga ukuba zakuphuma nini.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za