Le yiveki yesibini utamkhulu uWandisile Boqwana (81) waseMazizini kwindawo yaseMphekweni eNgqushwa engabuyi ekhayeni, nowagqityelwa eyokujonga iinkomo zakhe kwifama yakwaTedi de kube namhlanje.
Usapho lwexhoba libongoza uncedo lokukhangeliswa ixhego, lowo unokuthi alibone atsalele amaPolisa okanye usapho ngokukhawuleza.
Unyana wexhoba, uMajwarha Boqwana, encokola neli phephandaba uthi utata nguye sele beshiyeke naye abajonge kuye nabakhokelwa nguye kusapho luphela lwakwaBoqwana. Uthi oku kuyabaxhalabisa kuba zange yenzeka – kokokuqala isenzeka, kuba ezinkomeni udla ngokuya yedwa abuye – ebengenzi nto angayiqhelanga.
“Sixhalabile kakhulu, kodwa ithemba lokumfumana sisenalo lona. Isiphethe kakubi kakhulu into yokunyamalala kwakhe silikhaya liphela, kuba sele inguye ngoku inkonde eshiyekileyo kumzi wakwaBoqwana uphela,” utshilo uBoqwana.
Uqhube wathi le nkonde nangona ikuleminyaka mininzi inayo, ayingomntu ukhathazwa yimpilo, kwaye otya neepilisi zesigulo esithile eziye zikhathaze abantu abadala.
UBoqwana uthi kona ithemba basenalo lokuba abuye nangona bexhalabile ukuba uphi, wenzani, ingakumbi kwezo ngqele.
Ityala lokulahleka komntu livuliwe emaPoliseni lusapho kwaye ayaqhuba nokukhangela.
“Mininzi imizamo eyenziwayo, kwaye amaPolisa adlala indima enkulu ekuncediseni ebambisene nosapho lakwaBoqwana lonke kuquka nabo bonke abahlali,” uvale ngelo uBoqwana.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’