Ziiveki lingabuyi ixhego lakwaMsindeli elinesifo sokulibala

UTutu Hilton Msindeli okhangelwa lusapho lwakhe umfanekiso: uthunyelwe

Usapho lakwaMsindeli eMdantsane lungena kwiveki yesine lungamazi ukuba utata wekhaya uphi, utya ntoni, kwaye usaphila kusini na apho akhoyo.

Utata uMsindeli, 71, waseMdantsane, uduke ngomhla weshumi elinesihlanu kwabe kungoMgqibelo kwinyanga ephelileyo ngethuba bengena kumzi wesihlobo sakhe obunomgidi kubhiyozelwa ukubuya kwendodana ehlathini.

UMsindeli wahlaselwa sisifo sokulibala esaziwa ngokuba yiDementia ngamakhumsha ngo2016.

UNolungile Msindeli nongunkosikazi wexhego elidukileyo uthi ubuthongo babugqibela mhla alahlekayo umyeni wakhe belusapho, zange baphinda babubona ngenxa yexhala.

“Ungumntu ebendisoloko ndimgadile ngalo lonke ixesha naxa sisekhaya kuba ungumntu osuke aphume aduke angazazi nalapho aya khona. Ukulahleka kwakhe yaba nguphanya sifika kwadadewethu emgidini, sigqibele sisehlika sivuya, sisothula nempahla zomgidi xa sithi sele emkile. Waphoncuka lula kanjalo umgidi, sawushiya phakathi sifika sinjalo sikhangela utata kunangoku.” utshilo uNolungile.

UVivi Mpikashe nongumhlobo wexhego elidukileyo uthi odukileyo ungumntu olinene kakhulu, abamazi nokuba uvasa phi kwaye ungumntu otya iipilisi zesi sigulo sokulahleka anaso.

Usapho luthi ityala lokulahleka komntu alifaka emapoliseni kwaye nezinja zamapolisa zayokukhangela kodwa zabuya nelize. Kuthwa bekungekho kokuqala lilahleka ixhego kodwa liye libhaqeke kwangoko.

UNolungile uthi umyeni wakhe wayekade ethutha abantwana besikolo ngeAvanza, kodwa wayeka mhla siqala kancinci esi sifo.

Uthi waqala ngokumane elibala izitshixo zemoto, iikawusi, alibale nezitrato ezi azihamba yonke imihla, yaye ikhula into.

Ukugqityelwa kwakhe wayethwele ikepusi ebomvu, isilamba esimaruni, iblukhwe yejini eneyvi kwakunye nezihlangu ezimnyama.

Ukuba unolwazi okanye sele ukhe wambona, ungatsalela isikhululo samapolisa aseNyibiba kude kufuphi naseMdantsane okanye usapho ku0837526308.

abongile.ginya@inl.co.za