Zikho iinguqu kwintlalo yamanina kwihlabathi

“Nangona ikho inkqubela eyenzekileyo ukuqwalasela nokuqinisekisa ukukhuselwa kwabantu basetyhini nabantwana ukusukela kwinkomfa yamanina eBeijing isekho imicelimngeni kwihlabathi” Oku kuthethwe ngusihlalo webutho lamanina kumbutho wezizwe ezimanyeneyo (UN Women) uPhumzile Mlambo-Ngcuka ngethuba esamnkela isidanga sobugqirha kwiyunivesithi yase Fort Hare eMonti.

“Inde yona indlela ekumele siyihambe silihlabathi ukuqinisekisa ukulingana phakathi kwamadoda kunye namakhosikazi ehlabathi, kodwa thina singamakhosikazi kufuneka size nendlela emfutshane yokuqinisekisa ukuba silingana ngazo zonke indlela,” utshilo uMlambo-Ngcuka. Le yunivesthi iwonge lenkosikazi ngesisidanga ngenxa yenxaxheba yakhe kumalinge okuqinisekisa intlalontle, ulawulo lesininzi namalungelo abantu.

Uxelele loonginginya yamanina ibilapho ukuba esi isizukulwana samanina sinoxanduva olucacileyo kumanaxesha angaphambili. “Thina sisizukulwana sokuqala samanina esinoxanduva lokuqinisekisa ukuba sikulwa kuphele ukungalingani kunye nendlala kuba alikho elinye ixesha lokulwa le ngxaki,” uthethe oko uMlambo Ngcuka.

Uhambise wathi amanina kwihlabathi kufuneka aqinisekise ukuba ayamelwa ziinkokheli zamanina kwimingxili yentlalo eyahlukileyo logama ithatha inxaxheba kwinkqubo yokuthathwa kwezigqibo ezibalulekileyo. “Ngamashumi amane eepesenti ekhulwini amanina athatha inxaxheba kwimidlalo yeOlimpiki eRio de Janero eBrazil, lonto ithetha ukuba kuleminyaka engamashumi amabini agqithileyo ngenene ukhona wona umahluko owenzekileyo,” utshilo uMlambo-Ngcuka.

Ukwathe inani la manina athatha inxaxheba kwezopolitiko linyukile,kwaye konke oku kwenzeke kuleminyaka engamashumi amabini agqithileyo.Ukanti logqirha ukwabalule umsebenzi abawenza kumbutho wezizwe ezimanyeneyo ukuzama ukuguqula impilo nentlalo yamanina kwihlabathi ngokubanzi.

“Ngonyaka ka2020 sizakuba sijonga umsebenzi osele wenzekile kwinkqubo zophuhliso oluzinzileyo phantsi kwenkqubo iSustainable Development Goals, ingakumbi umsebenzi ochaphazela amanina,” uthethe oko uMlambo-Ngcuka. Ethetha namajelo endaba ingqonyela yaseFort Hare ugqirha Mvuyo Tom uthe angavuya ukuba esikhundleni sakhe kungangena inenekazi nanjengoko ezakushiya kwesisikhundla kungekudala.

Le yunivesithi iqhube imibhiyozo eyahlukeneyo ukusukela ekuqaleni kwalonyaka nanje ngoko ibhiyozela iminyaka elikhulu yasekwa ngonyaka ka 1916.