Zikhona iinkosi eKapa

Ziyaqhuba nokusebenza kweli le Kapa nangona zisalinde ukwamkelwa ngokusemthethweni ngu rhulumente, inkosi.

Iphulo lokubakho kwenkosi kwiphondo le Ntshona Koloni lathi laxhokonxwa kukubakho kweziduko ezinebango lobukhosi ngokobuzwe nazo.
Isizwe ngasinye saye savela sachaza ibango laso sobukhosi senza nophando ngalo ebukhosini.

Isizwe samaXesibe sesinye sezozizwe ezathi zenza lamabango,ze ngonyaka ka 2013 saphehlelelwa ziziswenye zeenkosi zamaXesibe eziphuma kwiphondo le Mpuma Koloni. Kwaye kwamiselwa iinkosi ezilishumi elinesine (14) nezonganyelwe ngu Nkosi u Mali Hoza (Aah! Laduma)

Usomlomo wesi sizwe kweliphondo u Nkosi Zolile Feni (Aah!Gcinumthetho)
uthi badibana rhoqo ngemicimbi eyahlukileyo nabanqwenela ukuba urhulumente abanike amagunya asemthethweni,ukuze basebenze bavuselele izithethe namasiko akwantu apha ezidolophini nanjengoko kusenziwa emakhaya.

Uthi nangona kunjalo sele beqhuba beqhuba imisebenzi efana nokuqinisekisa ukuba isiko lolwaluko lenziwa ngendlela efanelekileyo,ngokuthi abantu abanamakhwenkwe azakoluka baxelele inkosi ze zona zidibane neengcibi namakhankatha aneziqinisekiso ezisemthethweni zokwenza lo msebenzi. Ukwathi bayazama ukulwa nomkhwa wabafana abenza nzima amantombazana ze bangafuni kuhlawula.

Uqhuba athi “sinayo intsebenziswano nabasemthethweni ingakumbi ekusombululeni imbambano zasekuhlaleni.Nangona singangeni kwezopolitiko kodwa siyasebenzisana noceba bee wards.”

Uthi ubukhosi bufana nqwa nesithunzi somntu buhamba nomnikazi wabo,kwaye amasiko nezithethe zenziwa naphina apho kukho umntu.Nangona kunjalo uthi banesikhalo abanaso sokungafumani isibonelele senkxaso kurhulumente njengoko kusenziwa kumanye amaphondo ngomsebenzi wabo abawenzayo,kodwa banethemba lokubonelelwa xa sele bamkelwe ngokusemthethweni.

Oka Feni ulebela ngelithi ziinkosi zodwa ezinokudibanisa isizwe sibe yimbumba yamanyama,kwaye kungekudala bazakungelela kumcimbi wemihlaba kweli phondo.