URhulumente kazwelonke ubongoza lonke uluntu loMzantsi Afrika ingakumbi kumaphondo achatshazelwe yimvula, umoya kunye nengqele ukuba bazikhusele kule meko. Ingxelo ekhutshwe zizanuse zezulu ithi, imeko enomoya obhudlayo, ingqele eqhaqhazelisa amazinyo isezakuqhubeka kumaphondo athile.
Ezi ngcali zithi oku kubangelwa kukuba ilanga libhekele ngokungaqhelekanga emhlabeni, oku kwenza ukuba kubande ngamandla kwiindawo ezithile zomhlaba.
Uluntu lucetyiswa ukuba luhlale kwiindawo ezifudumeleyo, lunxibe ngokufudumeleyo bazigcine ngokutya okushushu ngamaxesha onke.
Kuthiwa ilanga libhekele kangangeekhilomitha ezilikhulu namashumi amahlanu anesibini ezigidi ukusuka emhlabeni.
Le yimeko engaqhelekanga eyenzeka ngamaxesha athile emhlabeni, kwaye ishiya ingxwelerha mihla yonke. Ukusela amachiza alwa ingqele kubalulekile namacesina kubaluleke kakhulu.
Ukuphungule ukuhamba esithubeni ukuze ungagagani neengxaki ezibangelwa yile meko.
Maxa wambi ibangumoya obhudla ngokungaqhelekanga obangela ukuwa kwemithi, ukuphephetheka kwamazinki nezinye ke iingxaki.
Iingxaki eziqatshelweyo ngabahlali bazichaze ngokukhawuleza kumagosa eentlekele kooMasipala abancinci ukuze zilungiswe.
Abazali banalo igunya lokuthatha isigqibo mayela nokuthumela abantwana ezikolweni okanye babagcine emakhayeni abo xa bebona ukuba imeko imbi kakhulu. Abahlali basematyotyombeni eNtshona Koloni bachatshazelwe ngamandla zizandyondyo.
Abahlali bayakhuthazwa ukuba bafumane iinombolo zomnxeba zamapolisa kwakunye namagosa ajongene neentlekele kooMasipala.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo