Zilala endlini iigusha ngenxa yezinja

Iigusha ziphuma kwindlu ezilala kuyo kuba zisoyikiselwa ezinjeni

Kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo izinja zitye iigusha ebuhlanti kwilali yakuVonqo eDutywa.

Ezi zinja zibulele iigusha ezine zaze zalimaza ezilishumi. Umnikazi wezi gusha umama uNoyimile Vonqo wathi elele ebusuku weva izinja zakhe zikhonkotha.

Ngenxa yokuba kwakusebusuku zange akwazi ukukroba ajonge ukuba zikhonkotha ntoni na izinja zakhe.

Zaqhubeka zikhonkotha izinja kwade kwabetha intsimbi yesine ekuseni.

Umama uNoyimile wazincama waphuma phandle ekroba ukuba yintoni na lena ikhonkothwa zizinja zakhe.

Wathi akuphuma wafumanisa ukuba izinja zakhe zikhonkotha zijonge ebuhlanti. Waphosa amehlo wakhe ebuhlanti wabona izinja ezintathu angazaziyo zabe zisitya iigusha ebuhlanti. Zathi zakuqaphela ukuba kukho umntu ozibonayo zatsiba ebuhlanti zabaleka.

Umama uNoyimile uthi waxheleka kakhulu yinto eyenziwa zezi zinja.

“Kokwesibini iigusha zalapha zihlaselwa zizinja ebuhlanti. Andiyazi ukuba ithetha ntoni na loo nto. Kodwa ngoku ndithathe isigqibo sokuba ndizilalise endlini kuba ndizama ukuzisindisa ezinjeni. Ingxaki kukuba indiyazi nokuba azinakuphinda zibuye na ezi zinja zihlasele kwakhona. Ndincame enye indlu yam ndazifaka kuyo ezi gusha zisindileyo. Yayingeyonto ilula ukufaka iigusha endlini kuba zingayiqhela loo nto. Kodwa zathatha iintsuku ezimbalwa ukuqhela ukuzingenela. Ngoku ziyazingenela kuba sezaqhela. Kodwa into endiyenzayo kukuba ndivuka ekuseni ndizikhuphe ndizifake ebuhlanti kuba ndizoyikisela kubushushu bendlu ingakumbi ngoku kuba kusesehlotyeni,” utsho umama uNoyimile.

Umama uNoyimile uyibeke elubala ukuba akukho mntu uphangelayo kweli khaya. Ngoku ezi gusha ziyanceda kakhulu xa imeko imbi ekhaya ngoba uthengisa igusha ukuze asombulule loo ngxaki.

“Into xa ikunceda kufuneka uyilondoloze. Zikhona ezi zinamanxeba iigusha ngoku ndizihlamba amanxeba ngamanzi anomadubhula ukuze zingahlalwa zimpukane kuba iimpukane zibangela iimpethu. Abazukulwana bam bayandincedisa ukuhlamba amanxeba eegusha,” utsho uNoyimile.