Zilinde ntoni

iinkosi zethu?

Zilinde ntoni iinkosi, oosibonda, abefundisi nobhodi bangakhokeli uluntu ukuba luyekucela imvula entabeni kuQamata nezinyanya. Ngenxa yenkolo nethemba kubantu bakudala, bebesoloko bekholelwa ukuba xa kukho ingxaki kwintlalo yabo uThixo nezinyanya ngabo abanokunika impendulo.

Le nkolo ibibonakala kakhulu xa ilizwe libharhile ngenxa yembalela, ubeve besithi,“masithetheni noQamata, uzakusinceda.” Amaxesha embalela ibingawona ebebonakala la mandla ale nkolo kwanonxibelelwano lawo lamadoda namakhosikazi kunye nomdali wawo. Iingxelo zezanuse zeZulu zithi, imbalela ilizwe elijongene nayo ingaphela phaya ngenyanga kaMatshi kunyaka ozayo.

Oku kuthetha ukuba le asiyombalela enokoyikisa umntu ukuba angalimi, kuba iMpuma Koloni le isuka kwiimbalela ezakhe zathatha iminyaka 1981-1983. Inkolo, ithemba, nonxibelelwano noQamata lusoloko lusesona sixhobo sisetyenzisiweyo kumaxesha angaphambili ukulwa imbalela.

Ngamaxesha embalela enje ngale wova iinkokheli zasekuhlaleni eziquka iinkosi, osibonda, oobhodi nabefundisi bekhokela iphulo lokuba kunyukwe entabeni kusiyiwa kucela uQamata ukuba athobe imvula.

Kuyiwa entabeni kuba, inkolo yakwa- Ntu ithi, intaba le yindawo engcwele enganyathelwa ngazinyawo zinezono, kwaye izihlwele namanyange ahlala phaya entabeni.

Oku bekuqava ngokuba uve ezi nkokheli zithi umntu ozaziyo ukuba akalunganga makangabikho xa kusiyiwa entabeni.

Apha entabeni bekuthandazwa ngokweenkolo ezahlukileyo, amakholwa obuKrestu enikwa ithuba lawo, abenkolo yeMveli benikwa ithuba labo.

Isiphumo soku ibiba kukuba eli gqiza leenkokheli zimanyene ngomoya bezibuya nayo imvula zingekehli nasentabeni apho.

Ngenxa yokungabikho kwesi sikhokelo ngamanye amaxesha ubude ubone umntu omnye othile enyuka entabeni esiya kucela uQamata namanyange ukuba athobe imvula.

Intaba ikhethwa ngenxa yenkolo yokuba yindawo engcwele, kwaye ngenxa yokuphakama kwayo isondele kuThixo.