Zilindele imizimba iintsapho!

UMancane Ngaleka, umakhulu womnye abafundi ababhubhele eCuba, efumana intuthuzelo kuMphathiswa wezempilo eKZN uGqr. Sibongiseni Dhlomo UMFANEKISO: Uthunyelwe

Isebe lezaNgaphandle kweli libambisene neSebe lezeMpilo noMzi woZakuzo welizwe laseCuba eMzantsi Afrika, benza amalungiselelo okubuyiswa kwemizimba yabafundi bezobugqirha ababini beli ababhubhele eCuba. 

Ingxelo ithi aba bafundi bayinxalenye yenkqubo yentsebenziswano phakathi koMzantsi Afrika nelizwe laseCuba nalapho abafundi beli besenza izifundo zobugqirha kwela lizwe.

Osisithethi seSebe lezeMpilo kuZwelonke uPopo Maja, uthi esi sisiganeko sesibini esilolu hlobo. 

“Ekuqaleni kwalo nyaka kubhubhe umfundi kwinto ekukrokrelwa ukuba kukuzibulala kweliya laseCuba, aba batshone kwindawo yokudada ebebezonwabise kuyo,” ucacise watsho uMaja.

Uthi ngabafundi abangamadoda bobabini aba babhubhileyo, kwaye baphuma kwiphondo laseKZN. “Sele sihambele phambili namalungiselelo okuqinisekisa ukubuyiswa kwabo ukuze banikezelwe kwiintsapho zabo kwiphondo laseKZN,” uthethe watsho uMaja.

UMphathiswa weSebe lezeMpilo kuZwelonke uGqirha Aaron Motsoaledi, uvakalise amazwi ovelwano kwiintsapho ezichaphazelekileyo malunga nesi siganeko. 

“Siyavelana kakhulu neentsapho ezilahlekelweyo, sikunye nabo kweli xesha lentlungu yokushiywa ngabantwana babo,” uthethe watsho uMotsoaledi. 

Le ntlekele yenzeke ngethuba aba bafundi bebebhiyozela umhla wokuzalwa womnye umfundi. “Amagama abafundi nguSibusiso Thanks Ngaleka (24) noSihle Cebo Makhanye (24), iintsapho sele zixelelwe ngayo yonke into, sele belindele ukwamkela imizimba yabo.

UMphathiswa weSebe lezeMpilo kwiphondo laseKZN uSibongiseni Dlhomo, utyelele la makhaya ephelekwa ngamagosa aphezulu esebe lakhe.

Ngabafundi abakumakhulu asixhenxe namashumi asibhozo anesithoba (789) abafundi bephondo laseKZN kuphela abakweliya laseCuba. Ngamashumi amabini anesihlanu izikolo zobugqirha eCuba, amazwe amaninzi ehlabathi athumela abafundi kwela lizwe ngeenjongo zokuba bafundele ubugqirha.