Zilumkeleni ezi mini zobumenemene!

Kule nyanga kaCanzibe iphelileyo, kusuku lwangeCawe umhla we13, uninzi lweevenkile zokutya, ezempahla, ezithengisa izinto zehombo kwanezo zithengisa izipho, beziphuphuma ezidolophini nasezilalini kuthengwa izipho zoomama, kuba kaloku bekuvuyiswana noomama ngosuku lwabo.

Xa bendiqwalasela iintshukumo zabantu ngolu suku loomama, eyona nto isuke yagqama kukuyaluzela kwabantu ezivenkileni, kuthengwa ooni nooni, izipho, kusiyiwa kutyiwa kwiivenkile zokutya, konke oku kusenziwa egameni lokuhlonipha usuku loomama.

Khanindincede kule ndawo ke zidwesha zakuthi: Ingaba kutheni ukuvuyisana kweentsapho noomama abadlala indima ekhethekileyo kwiintsapho zabo kunento yokwenza nokuthengwa kwezinto ezivenkileni?

Ingaba xa oomama kunokuvuyiswana nabo bengathengelwanga nto oku kungathetha ukuba abaxatyiswanga ncam?

Ivela phi ingcamango ethi xa kuvuyiswana nomntu ngento entle ayenzileyo okanye ayiyo makuthengwe? Ingaba akwanelanga ukuhlala emakhaya, oomama bahlale bangenzi nto, baphekelwe, baphungiswe, baphululwe, kuncokolwe kamnandi nabo ngako konke okuhle abakwenzayo kwiintsapho zabo?

Nali ithuba boomama, yinqandeni le nto ingekanwenwi ide isixake. Ukuba ke nani manina akowethu sele niyifake ezingqondweni ngokugqithisileyo into yokuba xa kuvuyiswana nani ngosuku lwenu, makunyanzeleke kuchithwe imali kuthengwe, inene sisenkathazweni.

Safa yindlala, kuba kaloku kwale mali kuthengwa ngayo izipho egameni lokuvuyisana noomama ngosuku lwabo, yile ingekhoyo.

Umhla nezolo sikhala ngerhafu esibulalayo, sikhala ngamaxabiso okutya nempahla anyuke aya kwelona qondo liphezulu, kodwa ngoku kunjalo sisaziqhathisa ngamamenemene angoongxowankulu abangabanini bamashishini ahlala ethengisa izinto ezisitsalayo xa kubhiyozelwa ezi ntsukundini zobubhedengu.

Kule Cawe yomhla we17 kule nyanga yeSilimela, kuphindile kwabhiyozelwa usuku lootata. Bebebhiyozelwa ngendima entle abayidlalayo kwiintsapho zabo, ukuba ziinkokheli ezigqibeleleyo kuloo makhaya, kwanokuba yimizekelo emihle kubantwana babo.

Nabo tata ke bangazaziyo nokuba zilala zitye ntoni iintsana zabo, nabo torhwana abakhutshelwanga bucala, nabo bahlonitshiwe kwavuyiswana nabo.

Nakweli ityeli, iivenkile zamamenemene abangoodyakalashe abankone abakwaziyo ukujija iingqondo zabantu batsho bamfameke, bezigcwele ziphuphuma, kuthengwa izipho zootata.

Konke oku kusenziwa kulityalwa ukuba yakuphela le mali lingekafiki ilixa lokurhola, kuza kulanjwa izisu zithi nca emqolo, kuba kaloku kule mihla yokungalimi nokufuya, siphila ngokusebenzela imivuzo efika ngexesha layo eliqingqiweyo.

Nakolu suku lootata, abantu ngobuninzi babo bebephuma bephethe izipho zootata ezifana neziqholo zomzimba; izixhobo zokukhanda nokuhombisa iimoto; izinto zokusebenza emakhaya; zikwalapho ke neembodlela zikadlomdlayo. Ngoko nangoko kwaphawuleka ukuba oorheme esingabo singootata, enye yezinto esidume ngayo kukusela kurhatyulwe mpela apha kutywala basemzini.

Nakweli ityeli bantwana bomgquba, kubhiyozelwa ootata ngokuthi bathengelwe izipho.

Ndiyaphinda ndifuna ukuqonda ukuba kutheni xa kuvuyiswana nootata ngegalelo labo elihle entlalweni kuchithwa imali kwiivenkile zoongxowankulu abazizigwili ezihlala kumapomakazi, ngeli lixa nina bathengi ngokungaqondi nixolela ukulala ningatyanga kuba nimisa ngelithi nivuyisa abantu ngokubathengela izipho?

Kutheni ootata bengaphekelwa, bojelwe inyama, kungenjalo ukuba kunyanzelekile kusetyenziswe imali kungani ingabekwa kude kuqokeleleke imali yemfuyo okanye ityalwe ngeenjongo zokuthenga umhlaba?

Ndiqinisekile oomama bethu nootata bethu bangaziva bonwabe kakhulu xa sinokubabhiyozela sihleli nabo siziintsapho, basibone simoyamnye, sithandana, sibambene, sibonakalisa inkqubelaphambili ngokuzinzisa ingqiqo kumaphulo okuvuselela ulimo, umhlaba nemfuyo.

Le nkcitho siyenzayo ingangathi abazali bayayithakazelela, kanti abafuni nokuyibona. Bengasixeleli nje kukuba bonqena ukusiphoxa.

Ndiyanicela ke nina maXhos`amahle evayo xa kucetyiswa, kulo nyaka uzayo maze ningazibandakanyi nobu burhalarhume bobumenemene beMother`s Day neFather`s Day!

Ngezi ntsuku maze nihlale nabazali ekuvuyiswana nabo nidle imbadu, nibacele banichazele banzi ngembali nangemveli yeentsapho zenu, ukuze izizukulwana zizazi ngokuchanekileyo.

Nincede ningazibeki iinyawo ezivenkileni ngezi ntsuku, kuba xa nithenga izipho egameni lokuvuyisana nabazali, abona bantu bavuya ngakumbi ngabanini beevenkile kuba niya kube nityebisa bona, nibe nina nabazali benu nishiyeka ningamahlwempu ahlwempuzekileyo!