Zilungiselele ukonwabela imidlalo yePSL eBuffalo City

USodolophu waseBuffalo City uXola Pakati, ngethuba esenza intetho ngobume besixeko eAbbotsford Christian Centre eMonti, ngoLwesine. Umfanekiso: Siyanda Jantjies

 Isigqibo seChippa United sokuthatha eminye yemidlalo yayo iyise kumasipala waseBuffalo City kwisizini ka2016/17 akuphelelanga nje ekonwabiseni abathandi bebhola kwimpuma yeMpuma Koloni, koko kukwabangele ukuba inxili yeli ixhamle nge-R43.9 yezigidi zeerandi kwingeniso yale midlalo.

 

Oku kubhengezwe nguSodolophu waseBuffalo City uXola Pakati ngethuba esenza intetho ngobume besixeko eAbbotsford Christian Centre eMonti, ngoLwesine.

UPakati, othembise ngelithi isezakuqhubeka ikhona imidlalo yePSL kwesi sixeko kwisizini ezayo, uthi bayazingca ngobudlelwane babo neChippa United kwisizini ka2016/17 kwaye bazimisele ukubenza bubeluqilima obu budlelwane.

 

“Ukusebenzisana kwethu neChippa United yimpumelelo engenamathandabuzo, kuba kutsala abathandi bezemidlalo abaninzi ukuza kubukela. Kule sizini idlulileyo sizibonile iintshatsheli zeCAF iMamelodi Sundowns kwakunye nezo zeAbsa Premiership iBidvest Wits zizokudlala apha,” utshilo uPakati.

 

UPakati uthi ubukho beChippa United eBuffalo City kuxhamlisa esi sixeko ngenxa yabathandi bebhola ekhatywayo abachitha iimali zabo kwesi sixeko, kuquka neqela eli leChippa United xa lityelele isixeko.

 

“Kwisizini ka2017/18, silindele ukuxhamlisa inxili yesizwe nge-R51 yezigidi zeerandi yemali-ngeniso ngenxa yobukho beChippa United,” utshilo uPakati.

 

Phakathi kwezinye zezinto azibaluleyo kwintetho yakhe lo kaPakati, ziquka ezi:

 

-Ukuphuculwa kwendawo yolonwabo eBuhlanti kufutshane nonxweme iEastern Beach;

-Ukunikwa kwenkxaso nengqwalasela kwiBuffalo City Metropolitan Development Agency;

-Ukuphuculwa kwendlela eziphethwe ngayo iincwadi zezimali zesi sixeko;

-Ukusetyenziswa kobuxhakaxhaka bale mihla (e-procurement) kwicandelo lonaniselwano (supply chain);

-Ukudalwa kwamathuba engqesho kumacandelo ohlukeneyo afana nokulungiswa kweendlela nokuphuculwa kweziseko.

 

Amaqela ezopolitiko aphikisayo kulindeleke ukuba axovule le ntetho kaPakati kwintlanganiso yebhunga likamasipala kwiveki ezayo.