Zimbhodlisa umlilo izityholo atyatyekwa zona uMbuli

IMBONGI yodumo ekwayimvumi yomculo kweli, izidlulisele emagqwetheni izityholo zokuzityebisa ngemali yeentsapho ezibhujelweyo, zityholo ezo zithe saa kumakhasi wonxibelelwano sithetha nje.

UMzwakhe Mbuli obizwa njengeMbongi yaBantu, uthe ezi zityholo zimehlisa isidima nanjengokuba kuthiwa uthabatha imali kwiintsapho zoosaziwayo ababhubhileyo ukuze afumane intshontsho.

UMbuli uthi sele etsale igqwetha lakhe uAdvocate MJ Koma ukuze ajongane nezi zityholo. Uxelele I’solezwe ukuba onobungqina ngezi zityholo makaye emapoliseni ukuze kuhlambeke igama lakhe ngokuba naye akekho ngaphezu kwengalo yomthetho.

Ezi zityholo zenziwe yintatheli yezemidlalo, nethe ihlobene nosapho lukaMandoza, nalo okuthiwa lwagqejwa ngulo kaMbuli.

Le ntatheli, ithe konke ekubhale kuTwitter ngoMbuli izokumela kwaye xa sele ibuya phesheya kweelwandle ayinangxaki yokujongana ngqo naye.

Kwezi zityholo kuthiwa uMbuli, nabanye abaziwayo kwezobugcisa, ufika kusapho olubhujelweyo athembise ngokunceda, aze ayokunkqonkqoza eminyangweni karhulumente ecela imali. “Abaphathiswa babanika imali kodwa bayigcine enye benze ngathi abayifumenanga ngokoneleyo. Ndikhathazekile kuba uMzwakhe sele eqalile ukuthetha ngokubhubha kukaRay Phiri, kanti ukhangele ukutya imali nakhona,” kutsho intatheli.

Iveze nokuba kusapho lukaMandoza, uMbuli wazama ukudla usapho ngendawo yomngcwabo, ukutya, umculo neenkqubo zosuku lomngcwabo. Ezi zityholo ziphawulise abaninzi kwiTwitter, besithi uMbuli kudala wazigqamisa ngokubhubha kwabantu.

Eziphendulela, uMbuli uthe akazange aqokelele mali yawo nawuphina umngcwabo, sukube ecelwe lusapho ukuphatha inkqubo yomngcwabo.

“Kubhubhe uMandoza ndacelwa ngumkakhe uMpho ukuba ndizokuphatha inkqubo yomngcwabo. Kuthe xa ndisala, bandincekelela ukuba ndivume. Akukho mali endayiqokelela, endiyaziyo ngeyokuba uMpho wayenengxaki yokufumana indawo, eyaphela ibhatalwa ngurhulumente – R90 000,” kutsho uMbuli.

UMpho kwelakhe icala uthe abantu abaneenjongo zabo ze bangafaki igama likaMandoza. “Ngekhe ndiphawule ngezinto zobutyhakala endingazaziyo zivela phi. Abantu mabohlukane nokusebenzisa uMandoza ngeenjongo zabo ezithile. Ndidikiwe yile nto kuba kuchukunyiswa nabantwana bam ngayo.”

UMzwakhe uqhube wathi ayilotyala lakhe ukuba iintsapho zithembe yena ngokuphatha iinkonzo zomngcwabo, oko akwenza mahala. Uzekelise ngosapho lukaDavid Masondo weSoul Brothers athe wacelwa lilo. Uveze nokuba usapho lukaMnuz. Bethuel Ngubane obesebenza neli qela ozokungcwatywa ngoMgqibelo,  sele lumcele ukuzokuphatha inkqubo yomngcwabo.

“Sekunzima nokuvuma kodwa abakwaNgubane bandicengile ukuba ndibabhexeshele inkqubo. KwaPhiri bendithetha njengaye wonke ubani wezobugcisa obegxwala emswaneni. Sendikhethe ukungathethi, ukuba ndiya emngcwabeni ndizokube ndiyokunika isithozela kuphela,” kutsho uMbuli.

Ukanti abakwaNgubane baqinisekisile ukuba bacele uMbuli azokuphatha inkqubo. UMnuz. Spha Masondo uthe uMbuli wacelwa lusapho ukuphatha inkqubo kwaye akukho mali abhatalwa yona  okanye ayiqokelelela usapho.