Zimdaka iivenkile ezithengisa ukutya eKorsten, eBhayi!

 

Iivenkile
ezithengisa ukutya okuvuthiweyo kwindawo yoshishino eyaziwa ngokuba kuseKorsten
eBhayi zimdaka, intlaninge yamashishini akhona asebenza engabhaliswanga
ezincwadini zikamasipala wale ndawo, 

 Oku kubhaqeke
ngethuba lo masipala ebebambe ugqogqa kule ndawo kwisitalato iDurban Road  izolo, ukhokelwa yimanyano yamasebe kamasipala  elamapolisa, elezempilo yokusingqongileyo
nelophuhliso loqoqosho.

 “Le yinxalenye yephulo
likamasipala lokulwisana nokulahlwa kwenkunkuma nokutya okudala kwindawo zikawonke
–wonke neqale  kwesona sitalato siphithizelayo
ngenxa yoshishino eBhayi.

 IKorsten yindawo eyingxaki kuba iyindawo
esisigqubu samashishinana angazidubiyo nokuziduba ngokulandela imithetho
kamasipala,” utshilo usomlomo  womasipala
waseNelson Mandela uMthubanzi Mniki.

 UMniki uthe ngethuba
lalo gqogqa bafumanise ukuba zonke iivenkile ezithengisa ukutya okuvuthiweyo
zibubuxelegu ukuqala emigangathweni ukuya ezityeni.

 “Kumdaka phantsi,
kumdaka ukutya, kumdaka neenqwelo ezizisa oko kutya, kukufa konke oku,” utshilo
oligosa kwisebe lezempilo yokusingqongileyo uLutho Masiko.

 Uthe kukwakho
inkunkuma eninzi esenexesha elininzi idamile phambi kwee venkile esithi izizathu
ezibangela ukuba kube njalo eKorsten kukuba amashishini amaninzi awabhaliswanga
nto leyo ebangela ukuba inkunkuma ephuma kuwo ingathuthwa, esithi kulusizi oko
kuba ukungathuthwa kwayo kubangela iingxaki kwezempilo.

 “Sicela ukuba
oosomashishini abanjalo bakhawuleze babhalise  ukwenzela ukuba inkunkuma yabo ibe nokuthuthwa
kuphele nezimpuku zisasaza izifo. Ucoceko lubalulekile, singumasipala
sizakuqubisana nabo bonke abangawuthobeliyo umthetho”.