Ukufunda kwakunye nokuhlohla kootitshala kume ngxi eVuwani kwiphondo laseLimpupo ngenxa yoqhankqalazo olwenziwa ngabahlali kula mmandla.
Oku kulandela emva kokuba abahlali bala mmandla bengoneliseki sisigqibo esithathiweyo sokuba ezinye iindawo zaseVuwani kwakunye neMalamulele zizakwenza umasipala omnye omtsha.
Abahlali batshise nezikolo ezingama-23 zala mimandla besonakalisa kwazixhobo zilulutho kubo.
Usihlalo wale bhodi, uJane Thupana izolo kumabonakude uthe, ibhodi ibagqibele abahlali ngaphambili. “sicinga ukuba ibizakwenza izinto zibembi mpela ukuba sasizamile ukuthetha nabo kuqala.
Ngoku sele kukubi akusekho kubuyela kubo.”utshilo uThupana
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro