Zindandela izantsi iflegi kwizakhiwo zikarhulumente

Umongameli
weli uJacob Zuma uqinisekise ukuba uzakungcwatywa ngokwaseburhulumente
uMfundisi Makhenkesi Arnold Stofile.U Stofile ubhubhe ngo Mvulo waleveki emva
kwengulo engephi esabambe isikhundla sokuzakuzela eli eJamani. Othethe egameni
le ofisi kamongameli Bongani Ngqulunga uthi uZuma uyalele ukuba zindandele
ezantsi iflegi kwizakhiwo zikarhulumente isithuba seveki. Ezi flegi
zizakundandela ezantsi kude kungcwatywe uStofile ngo Lwesine weveki ezayo umhla
wamashumi amabini anesihlanu kulenyanga.

Ingxelo ithi
kumiselwe ikomiti yabaphathiswa abaphuma kumasebe ahlukileyo ukuze baqalise
ukwenza amalungiselelo omngcwabo ka Stofile.Urhulumente wephondo leMpuma Koloni
kulindeleke ukuba adlale indima ephambili kwinkqubo yokulungiselela lomngcwabo.
Lo ka Stofile ubhubhele eDikeni ngo Mvulo waleveki emva kwengulo engephi.Ubhubhe
eminyaka ingamashumi asixhenxe anesibini.