Zine izikhululo zamapolisa ezivalwe ngenxa yeCovid-19 ephondweni

Okwangoku sele zine izikhululo zamapolisa ezivalwe okwethutyana kweli phondo ngenxa yentsholongwane ikhorona echaphazela amagosa ezi zikhululo.

Ezi zikhululo ziquka iKinkelbos, uGatyana, Bhisho kwakunye nesisedolophini eQonce. Kuqalwe ngesaseQonce ngeCawe, uluntu layalelwa ukuba luye kwiholo yala dolophu apho iinkonzo zasesipoliseni ziqhuba khona.

Ngokwengxelo ephuma kuBrigadier Vishnu Naidoo, unobangela wokuvalwa okwethutyana kwazo kukufumaneka kwamagosa aphuma kwezi zikhululo ngokohlukana kwazo echaphazelekile emva kovavanyo lawo kwikhorona.

Izikhululo zivalwe kuba kuqinisekiswa ngococo ngaphakathi ngenjongo zokubulala le ntsholongwana kwaye nokukhusela uluntu olungena luphuma kwezi zikhululo.

UNaidoo uthi uluntu lakuphinda laziswe kungekudala ngokubuyela kwezinto esiqhelweni. AbaseKinkelbos abantu babongozwa ukuba batsalele u10111 okanye iNkumanda yesikhululo ebambeleyo uKapteni Neethling ku: 079 741 4621 xa befuna ukuqonda.

EQonce bakutsalela u10111 okanye iNkumanda yesikhululo ku: 082 446 3915. EBhisho bakutsalela u10111 ze kuGatyane basebenzise u10111 okanye ezi nombolo 076 7901 932 /082 566 0986.

Uninzi lwezi zikhululo zisebenzisa amaholo oluntu. Abolawulo kwaSAPS baxolisa eluntwini ngophazamiseko.