Zingaphezu kwesigidi izimangalo ezingene kumapolisa weli

Zizimangalo
ezingaphezu kwesigidi ezithe zafakwa ngabantu beli loMzantsi Afrika emapoliseni
phakathi kwenyanga ka Epreli wonyaka ophelileyo no Matshi walonyaka. Oku
kudizwe yingxelo ekhuswe zizikhulu zamapolisa eli ngethuba besothula ingxelo
yabo yonyaka kwikomiti ejongene nezokhuselo kwipalamente kazwelonke. Ezi
zimangalo zingamatyala ahlukileyo achaphazela ngamandla intlalo yabantu belizwe
ngokwengxelo ekhutshwe ngu Major General Sekhukhune ngethuba ethetha namalungu
epalamente. Uthe ukuqhekezwa kwezindlu kuMzantsi Afrika wonke kunyuke
ngepesenti ezimbini ekhulwini,kwaye iphondo leNtshona Koloni lelona lihamba
phambili kulengxaki yokuqhekezwa kwezindlu.

 Ukukhuthuzwa
kwamashishini nokuxhwilwa kwenqwelo mafutha kunyukile xa kuthelekiswa neminyaka
yangaphambili itshilo lengxelo. Ukukhuthuzwa kwamashishini kunyuke ngepesenti
ezimbini ekhulwini xa kuthelekiswa nonyaka ka 2014 no 2015, logama ukuxhwilwa
kwenqwelo mafutha kunyuke ngeshumi elinesihlanu ekhulwini lepesenti.