Zintle Mbusi: Ukunceda abantu yinto esentlizweni yam

UZintle "Zee" Mbusi ufaka isandla kwingxaki yamantombazana aselula eMthatha. Umfanekiso: Uthunyelwe

Amantombazana
aselula aphuma kwizikolo ezahlukeneyo axole ezintliziyweni emva kokuba olulelwe
isandla nguZintle “Zee” Mbusi kutshanje. Njengomntu okhulele kwiindawo zasezilalini
– apho kukho abantu abaninzi abatsala nzima kwicala lezimali, le ngqonyela yeZintle
Mbusi Media ithe mayisabele akuva ngendleb’enye ukuba kukho ingxaki
amantombazana ajamelene nayo ezikwelweni zaseMthatha ajamelene nayo imihla
ngemihla. UZintle Mbusi uqonde ukuba akanako ukusonga izandla kusonakala.
Ukusukela kunyaka ophelileyo, uhambe esenza amacebo wokuqokelela imiqamelo
yosisi yangaphantsi (Sanitary Towels) ebantwini abaziyo nakumaqumrhu abenomdla
wokufaka isandla kwiphulo lakhe emva kokuxelelwa ngale ngxaki.

                               

Le ntokazi
yaseMpondweni, eziqaqambise kakhulu kwezosasazo kuMhlobo Wenene FM, incede
abantwana bezikolo abakumakhulu alithoba namashumi amane (940) kwizikolo
ezibini: iNozuko High School ne-Attwell Madala High
School. Umntu ngamnye kwezi zikolo ufumene isiqhuma semiqamelo yangaphantsi esiza
kumqhuba isithuba esingaphaya kweenyanga ezine zonke. Yonke lo nto uyenze kuba
evakalelwa entliziyweni yakhe uZintle. Phambi kokuqala iphulo lakhe lokunceda
amantombazana, uZee wenza uphando [kuqala] olwabhentsisa imeko embi kakhulu efuna
kuqutyiswane nayo ngokukhawuleza.

“Ukunceda
abantu abasokolayo yinto esentliziyweni kum. Ndafumanisa ukuba ikhona ingxaki
emantombazaneni. Kuba bengakwazi ukuzithengela [bona ngenxa yokungabinayo
imali], ndathi mandize necebo lokubanceda. Ukusukela ngo-2013, ndazixelela ukuba
ndakusoloko ndisenza ngolu hlobo xa ndibhiyozela usuku lwam lokuzalwa,” utshilo
uZintle ngethuba ethetha neSolezwe.

Ingxaki yamantombazana
aselula angenayo imiqamelo yangaphantsi inzulile eMzantsi Afrika. Lo nto
iphenjelelwa kukuphakama kwezinga lentlupheko nentswelongqesho elizweni
jikelele. Amatshantliziyo alwela amalungela oluntu kwezinye iindawo afuna
uRhulumente anyanzeleke ukuba abenenkqubo enceda amantombazana ngokufanayo
naleyo [inkqubo] esasaza iidyasi zikamkhwenyana (Condoms) elizweni lonke.