Ziphi iinkqubo zenyanga yama-Afrika?

Ekuqaleni kwale nyanga sikhe sabhala ngokuba le kaCanzibe yinyanga yokubhiyozela iAfrika; yinyanga yama-Afrika. Kudala sifumana izimemo zeenkomfa ezingale nyanga. Ingxaki yeyokuba ezi zimemo zisuka kwamanye amaphondo; Ntshona Koloni naseRhawutini isikakhulu.

Nkqi ukuba kubekho nesinye isimemo kweli lethu leengqwele. Kuninzi esinokubhiyozela, kwaye iiyunivesithi zethu ezine, iWSU, Fort Hare, Rhodes neNMMU, bekumele ukuba kudala ziqhuba iinkqubo okanye iindibano zama-Afrika.

Kubalulekile ukuba umanyano lwama-Afrika ibengumxholo esiwubekele phezulu kweli laseMzantsi Afrika.

Kufuneka sabelane ngolwazi namanye amazwe aseAfrika ukuze singenzi iimpazamo ezinye ngawo. Ikwalilo nethuba lokufunda banzi ngembali yethu kweli loMzantsi weAfrika; safika nini? safika njani? liyinene na elokuba amaXhosa ayesuka kwiNtshona Afrika?

Uninzi lweelwimi zaseAfrika zinge zithande ukufana, ubone ukuba yindlela nje elibizwa ngalo igama eyahlukileyo, zisuka phi ezi lwimi zamaAfrika? Ifumaneka phi imbali yamaAfrika ngokubanzi?

Ingaba iphupha lowayesakuba ngumongameli waseLibiya, uGaddafi, lezizwe ezimanyeneyo zaseAfrika lingaze lifezekiswe?

Mininzi imibuzo. Kwaye siqinisekile iimpendulo zikhona. Imvuselelo yabantu iyakuqala ngokuba sikwazi ukusasaza olu lwazi. Xa umntu ezazi ukuba usuka phi, ungubani, kuye kubelula ukuba azazi ukuba uyaphi.

Thina asijongi nakude, sijonge apha kwiFort Hare. Njengokuba le yunivesithi ibhiyozela iminyaka elikhulu kulo nyaka singathanda ukubona neenkqubo ezisikhumbuza ngobu-Afrika bethu. Ngomhla wama-20 kule, kwenziwa umbhiyozo omkhulu phaya kula yunivesithi, kuzakube kukho oomongameli Zuma, ooMugabe nezinye izithwalandwe.

Lithuba eli. Lithuba lokuba iFort Hare izibeke phambili kuxanduva lokuvuselela umanyano lama-Afrika.