Ziphume phambili kwizibalo izikolo zaseMdantsane

Iziko iKutlwanong Centre for Maths, Science and Technology yaseGoli ithi iyazingca ngabafundi abaze no100% kwizifundo zezibalo kwakunye nenzululwazi bezikolo zelokishi yaseMdantsane eMonti kwiziphumo zikaGrade12 ka2021.

Aba bafundi emva kokuphela kwezifundo banenqkubo yokufundiswa izibalo kwakunye nenzululwazi leli ziko iKutlwanong ngeenjongo zokuncedisana kwanokuphuculwa kwezi zifundo nanjengoko zaziwa ngokuba nzima.

UTumelo Mabitsela, noyingqonyela yeziko iKutlwanong, uthi bayazidla ngaba bafundi kuba bakwazile ukoyisa imingeni ebijongene nabo ngonyaka ka2021 efana neCovid-19.

Uthi bangapha kwama30,000 abafundi abathe baphumelela emagqabini kwezi zifundo ngenxa yale nkqubo oko yaqala kwiminyaka engaphaya kweshumi elinesithandathu.

Ezi zikolo ziphantsi kwale nqkubo eMdantsane ziphumelele emagqabini yiUlwazi High neVulamazibuko High. Abafundi abathe bazenzela igama nguWiliam Somta waseUlwazi oze no100% kuzo zombini ezi zifundo nongomnye ofumene iwonga kuMphathiswa wezeMfundo ephondweni, wonga elo lokuba ngomnye wabaphumelele emagqabini ku2021 kwingingqi yaseBuffalo City Metro. Owesibini umfundi waseUlwazi nguOlwam Mazomba oze no97% kuzo zombini. Ze owesithathu umfundi ibe ngowesikolo iVulamazibuko High uInathi Melento uze no99% kwizibalo nakwezenzululwazi.

Aba bafundi bakaGrade12 baka2021 kulo lonke ilizwe baphazamiseke kakhulu ku2020 ngethuba besenza uGrade 11 kuba bekuvalwe nezikolo ngenxa yekhorona.

UMaya Makanjee, ongusihlalo weDatatec Educational and Technology Foundation, exhasa iKutlwanong, uthi ukutyala kwanokuxhasa amaziko afana neKutlwanong aphuhlisa abantwana, kubalulekile kwaye akuyonkcitho. Uthi izifundo zezibalo zijongene nemingeni emininzi kweli lizwe, kodwa uthi ukholelwa ukuba kungasetyenziswana, umohluko omkhulu ungenzeka.