Zisamisiwe iingxoxo malunga no-Oscar

Imbaleki * -Oscar Pistorious usezakuhlala ngapha kwezitshixo, oku kulandela emva kokuba ibhodi ejongene nengqawule kwintolongo iKgosi Mampuru ithe yalunqumamisa usuku lweengxoxo zokukhululwa kwakhe ngengqawule.

UPistoriuos kulandela emveni kokuba ethe wafaka isicelo sokugqibezela iminyaka yakhe emihlanu ebeyigwetyiwe ngetyala lokubulala intokazi awayencuma nayo uReeva Steennkamp ngomhla weValentine kunyaka ka2013.

Ezi ngxoxo bezithe zabanjwa ngomhla wesithoba kule nyanga sikuyo eKgosi Mampuru nalapho uPistorius kwakunye negqwetha lakhe baye bava khona ukuba kusazakuqale kudityanwe nosapho lwexhoba kwaSteeenkamp.

Usapho lakwaSteenkamp luthi lusamile aluzuphinde lufake enye imbalelwano bamile kule babeyifakile kuba ukuphinda enye akuzukubuyisa umntwana wabo.