Izakuvalwa de kubenguMvulo weveki ezayo iYunivesithi yaseRhodes eRhini.
Abolawulo kula yunivesithi bathi ukuvalwa kwale yunivesithi kukuba abafundi basephantsi koxinzelelo emveni kokuba bethe babamba uqhanqkalazo olulwa nokudlwengulwa kwabafundi basetyhini kwesa sikolo.
Bathi, zonke izifundo zinqunyanyisiwe, ezisavulileyo lithala leencwadi kunye namagumbi elabhoratri. Kuye kwabanjwa abafundi abahlanu kolu qhanqkalazo ze bakhululwa ngesilumkiso, bazakuphinda babuyele kwakhona kwiinkundla zamatyala kweyeSilimela.
Oku kulandela emva kokuba kuye kwadlwengulwa umfundi kwesi sikolo.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo