Zisekho iintombi-nto eMampondweni

Umfanekiso weentombi zakwaZulu Natal ezithabatha inxaxheba kuhlolo lweentombi UMFANEKISO: SIBONELO NGCOBO

Ziintombi ezikumakhulu amabini namashumi amahlanu eziphumeleleyo ngethuba zihlolwa ubuntombi ngumasipala waseMbizana kwelaMampondo.


Ingxelo ithi olu vavanyo lwenziwa minyaka le ziingcungela zeemazi ezegqitha kolu hlolo nazo. 


Ezi ntombi zidlisela ngobuntombi bazo ziveze amabele nemizimba yazo, bezisamkela iindwendwe kwisango lekomkhulu laMampondo eMatshona, eNtabankulu.


UPam Rabi osuka kuMasipala waseMbizana,  uthi bayazidla ngalo msebenzi bengumasipala waseMbizana.


“Minyaka le sihlola iintombi ezifika kumakhulu amahlanu, injongo kukubakhuthaza ukuba bazigcine bengadibenanga namadoda ukuze bakhuseleke kwizifo nezinye iingxaki eziza ngokulalana,”ucacise watsho uRabi. 


Lo masipala ngomnye woomasipala abathi babambisane nekomkhulu laMampondo eMatshona eNtabankulu kumnyhadala wenkcubeko yesiMpondo. 


“Ezi ntombi zihlolwe apha zisuka kwiiwadi ezingamashumi amathathu anesithandathu zomasipala waseMbizana,” uthethe watsho uRabi.

 

UBhoki Songololo nguye okhokele umsebenzi wokuhlola abantwana abaziintombi kwiingingqi ezahlukeneyo emaMpondweni.


“Ndineminyaka engaphezu kwamashumi amabini ndisenza umsebenzi wokuhlola ezi ntombi, siyavuya xa sibona inani liphezulu kangaka lokuphumelela kwabo kuhlolo. Oku kuthetha ukuba bayasazi isizathu sokuzigcina, iimfundiso zethu, ziyasebenza ngenene,” utshilo umhloli uSongololo.


Uthi benza lo msebenzi ngokusebenzisa amakomkhulu ahlukeneyo eMampondweni ngamaxesha ohlukeneyo.


“Siye sicele inkundla yakomkhulu kuloo ndawo siye kuyo, sibahlolele apho abantwana, siyavuya kuba le nto ithetha ukuba isizwe sethu sikhuselekile,” uthethe watsho uSongololo.


Isizwe saMampondo, amaZulu namaSwati -zezinye zezizwe ezisaligcinileyo eli siko lokuhlolwa kweentombi.


“Naxa betshata aba bantwana abazali babo bayazidla ngabo kuba banikisa ngomntwana ongcwele, akukho nendlela yokuba angasiqhatha athi edibene nendoda ayifihle lo nto, noko sinamava kudala siyenza le nto,” utshilo uSongolo.

 

Ngenxa yokugcinwa kwezi ntombi, amakomkhulu angqonge elamaMpondo akhangela abafazi kwesi sizwe sikaFaku.


 ”Amakomkhulu amaninzi xa ekhangela abafazi athumela igqiza ukuba lize kukhangela kweli lamaMpondo ngenxa yokuba besazi ukuba sineentombi ezingazanga zichathwe apha,” uthethe watsho uRabi. 


Kulo mnyhadala kulindeleke ukuba kunikwe iKumkani yamaMpondo aseNyandeni uNdamase Ndamase imbasa.


UNkosi Nzululwazi ‘Jongilanga’ Sigcau uqhuba lo mnyadala minyaka le evuselela ekwanika imbeko kumasiko nezithethe zesizwe samaMpondo.