Zisengxakini iinkosi ngomba wabakhwetha

Iinkosi zemveli kweli leMpuma Koloni zizakuphendula ngokubhubha kwabakhwetha kwindawo ezihlala kuzo, oku kuqinisekiswe lisebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli.

Ukubhubha kwabantwana abangamashumi amane eSuthwini ngeli xesha lasehlotyeni kuko okubangele ukuba umphathiswa wela sebe uFikile Xasa akhuphe esisigunyaziso.

Nangona kukho intsapho ezivuyiswa kukubuya kwabantwana bazo eSuthwini, kukho intsapho ezigcumayo kukubhubha kwabantwana bazo. “Silila kunye nazo zonke intsapho ezithe zashiywa ngabantwana bazo ngelixesha lolwaluko lasehlotyeni,” utsho umphathiswa uFikile Xasa.

Umasipala waseChris Hani uhamba phambili ngamanani wabakhwetha abathe babhubha ngeshumi elinesibini, iJoe Gqabi ngabakhwetha abasibhozo, Alfred Nzo ngabakhwetha abathandathu.

Ukanti umasipala wase-O.R. Tambo wenze umahluko ngokuthoba amanani wabakhwetha ababhubhileyo kulo nyaka ukuguqula imbali yokuba ngoyena masipala unamanani aphezulu abakhwetha ababhubhile.

Kwinyanga kaJuni walo nyaka, la masipala ubehamba phambili ngamani wabakhwetha abathe babhubha. UXasa uthi zizikolo zokwalusa ezingekho mthethweni kwanokufakwa kwabantwana abancinane eSuthwini, okubangela ukuba babhubhe.

Ingxelo kamphathiswa ithi, uninzi lwaba bantwana babhubhe ngenxa yokungabi namanzi emzimbeni.

Ukanti iphulo lokumisela amaziko okuhlangulwa kwabakhwetha alikhange lisebenze ngoku kuko. Osi sithethi selasebe uMamnkeli Ngam uyacacisa. “Zikhona iindawo esifumene kuzo ingxaki zokuba abantu abavumi ukuzisa abantwana kumaziko ohlangulo okanye bangavumeli amagosa ethu ukuba angene kwezindawo bakuzo abakhwetha,” utshilo uNgam.

Kutshanje eBhizana, kubethwe kwenzakaliswa igosa ngethuba liqhuba nenkqubo yokutyelela abakhwetha.

Ngaphambili, uNkosi Ngangomhlaba Matanzima umemelele ukuba liguqulwe ixesha lokwaluka abakhwetha baluke kuphela ngenyanga kaJuni.