Zisezakwakhiwa iiRDP, utsho uSisulu

Umphathiswa wokuhlaliswa koluntu kuzwelonke uLindiwe Sisulu uthi, urhulumente usezakuthi gqolo esakhela uluntu olufanele ukuxhamla izindlu zeRDP.

USisulu ukudize oku emva kweengxelo ebeziphuma koonondaba zokuba akuzuphinda kwakhelwe bantu zindlu.

Iingxelo zithi imithombo yeendaba iye yadiza ukuba uSisulu uthe akuzuphinda kukutshwe zindlu ngurhulumente ebethetha kwinkomfa ibiseTshwane kwiveki ephelileyo.

USisulu uthi, wonke ubani ongathathi ntweni unalo ilungelo lokuxhamla kwizindlu.

Abona bantu bafanele kukuxhamla ngabo bantwana baziintloko kumakhaya abo, abantu abakhubazekileyo kwanabadala.