Zishiye iingxwelerha iimpuphuma eMpuma Koloni

Johnnie Isaac

IGift of the Givers Foundation inikezela ngokutya kusapho olulahlekelwe ngamalungu amabini ngenxa yeemvula ezikhatshwa ziimpuphuma. Umfanekiso: Bheki Radebe
IGift of the Givers ngexa isolula isandla soncedo kumaxhoba eemvula ezinkulu eCambridge West. Umfanekiso: Bheki Radebe

AbakwaGift of the Givers ngexesha bendwendwele indawo yokugcina abantwana eDuncan Village. Umfanekiso: Bheki Radebe

Lichazwe njengendawo yentlekele iPhondo leMpuma Koloni emva kokuthwaxwa ziimvula ezikhatshwa ziimpuphuma nezishiye kubhubhe ishumi elinesixhenxe sabemi beli phondo.

Ezi mpuphuma zishiya amakhulu wabemi beli phondo bengenamakhaya, uninzi ingabemi besixeko iBuffalo City ebebefihle iintloko ematyotyombeni.

Zikwadale umonakalo kwiziseko zoluntu eziquka iindlela, iipali neentambo zombane, izikolo, namaziko ezempilo, ngelixa kukho abafuyi bephulukene nemihlambi yemfuyo.

Zibalelwa kuma57 izikolo ezithe zonakaliswa zezi mpuphuma, kwakunye namaziko ezempilo ayi49.

Isibhedlele sabumini iNontyatyambo eMdantsane sesinye samaziko ezempilo afumene umonakalo kwaye besivalwe okwethutyana ngeCawe nangoMvulo.

Iphulo lokucoca nelokulungisa umonakalo odalwe zezi mpuphuma lisaqhuba, kwaye umonakalo uqikelelwa kwizigidi zeerandi.

Ishumi elinesixhenxe leentsapho zishiyeke noxanduva lokungcwaba izizalwane ezibe ngamaxhoba.

UNotaxi Rasonti ongumakhulu onama70 eminyaka nongomnye wezi ntsapho ushiywe yintombi yakhe kwakunye nendoda ebihlalisana nayo.

Esi sibini sishiye ngasemva abantwana abathandathu abaminyaka iqala kunyaka oneenyanga ezintathu, omdala unama20 eminyaka.

Ngethuba sityelele olu sapho, uRasonti uthethe wathi: “Andiyazi nokuba mandiqale ngeyiphi, kodwa ndiyabulela kuba amagosa karhulumente ayancedisa kakhulu. Andikayazi ukuba ndizokwenza njani ngabazukulwana kuba amandla andisenawo, ixhala lam ngulo umncinci ungakwazi kuzenzela nto.”

UNonceba Pamla ushiywe yintombi yakhe ene18 leminyaka, uAwethu, nobebhala ibanga leshumi emva kokukhukuliswa komkhukhu wabo eNU 3 eMdantsane.

Inkulubaphathiswa yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane ebetyelele iindawo zentlekele eMonti, ephelekwe ngabaphathiswa bekhabhinethi yakhe abaquka uXolile Nqatha woBambiswano kuRhulumento, uNonceba Kontsiwe wokuHlaliswa kwaBantu kwakunye noSodolophu weBuffalo City uXola Pakati nesekela lakhe uPrincess Faku.

Ukanti uMphathiswa weMisebenzi yoLuntu eMpuma Kapa uBabalo Madikizela utyelele amaxhoba eempuphuma kwindawo eziilali eNkqonkqweni nephantsi kukaWard 45 kuMasipala iBuffalo City.

UMadikizela ufikele kwikhaya ebelihlala umama ongathathi ntweni uMthobisi Thembani, nochithakalelwe yindawo ebefihle kuyo intloko nendoda ahlekisana nayo uOdwa Fodi.

Impahla yesi sibini ibithe sa kwindawo ebelime kuyo ityotyombe labo.

UThembani ufumene umonzakalo ebusweni emva kokuxatyelwa ngamazinki abhudlwe ngumoya kumzi omelene nowakhe.

Uthethe wenjenje: “Ndithe xa ndibona ukuba kungena amanzi kule ndlu ndathi mandibalekise umntwana kadadethu ekhaya. Xa ndiphuma ndibethwe lizinki ebeliphaphatheka nomoya, ndabe ndiyalimala.”

UMadikizela ekunye namalungu eANC ebetyelele le ntlekele uthe, nangona urhulumente eza kubonelela abo bathe bangamaxhoba baza kunceda iintsapho ezifana noThembani kwakunye noFodi okokuba babe nendawo yokufihla intloko ngelixa urhulumente asenza iinzame zokubonelela amaxhoba.

“Asizukuma ngaphambi komsebenzi karhulumente, qha sinceda nje apho sifikelela khona, kwabo bantu abonakalelwe ziindawo ebebefihla kuzo iintloko. Siyayibona ukuba ezi mvula azikedluli, ngoko ke kubalulekile ukuba wonke umntu abe nokhuseleko kuzo,” uthethe watsho uMadikizela.

Ukanti uMabuyane wenze umbulelo ongazenzisiyo kumbutho wesisa iGift of the Givers nothe wangenelela kwinkxaso yamaxhoba eempuphuma. Lo mbutho unikele ngeepasile zokutya, oomatrasi kwaye uphekela abo basagcinwe kumaholo oluntu.