Zisixhenxe iinyanga elinde ukungcwatywa

Zinyanga ezisixhenxe umzimba wenkosikazi yaseMonti uNdileka Mamayo ulinde ukungcwatywa, oku kulityaziswe luvavanyo lofuzo kumapolisa oMzantsi Afrika.

Kwafunyanwa intloko yakhe irhuqwa zizinja ngenyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo, kamva kwafumaneka iimbambo zayo nezathi kamva zathathwa ngamapolisa ukuze kwenziwe uvavanyo lofuzo ePlattekloof eKapa.

Othethe egameni lamapolisa aseMonti uHazel Mqala, uthi akukho nto banokuyenza ngaphandle kokulinda ezi ziphumo zivela eKapa.

“Asinayo indawo eyenza olu vavanyo kweli leMpuma Koloni, ngoko ke sithumela zonke iinkcukacha eKapa zilibaziseke apho ezi ziphumo zolu vavanyo,” uthethe oko uMqala. Uthi amapolisa awanakugqithisa lo mzimba de kubuye iziphumo ezithi ngenene ngowosapho lakwaMamayo.

Le nkosikazi yaduka ekhayeni layo emva kokuba iviwe ikhala kubusuku obandulela ukulahleka kwayo, yabonwa ngokuba izinja zize zirhuqa intloko yayo sele ikhukhuziwe, itsho ingxelo.

“Ayisithi sodwa abathumela umsebenzi onje ukuba usetyenzwe eKapa, ngoko ke kunzima ukufumana iziphumo ngokukhawuleza,” utsho uMqala.

Abosapho kwelabo icala bathi babethenjiswe ukuba bazakunikwa iziphumo kwisithuba seenyanga ezintathu ukuze bakwazi ukungcwaba.

Ekhathazekile umzala kaNdileka, uZuziwe Mdlela, uthi noko kubuhlungu ukuhlala ixesha elingaka belinde ukungcwaba.

“Ngesesilibele noko ngoku ngoNdileka ukuba besesingcwabile, noko ibuhlungu le meko yokuhlala sisazi ukuba sinomsebenzi womngcwabo ongade ugqithe.”

Olu sapho lutyhola amapolisa aseMonti ngokusilela ukubazisa ngeyona nto iqhubekayo ngolu vavanyo lofuzo.

“Oko babeze kulo nyaka uphelileyo besithi iPasika izakubetha sele singcwabile kuba bazakuba begqibile ukwenza umsebenzi wabo,” uthethe oko uMdlela.

Olu vavanyo lenziwa phantsi komthetho obizwa ngokuba yiDNA Act yonyaka ka2013 ogunyazisa ukwenziwa kophando kukhutshwe iziphumo, kugcinwe ulwazi olufumanekileyo.

UThozama Mdlela okwa ngumzala wexhoba naye uthi abazazi ukuba bangenza ntoni ngoku xa amapolisa engade abuyele kubo neziphumo zovavanyo lwemfuzo.

“Asiyazi ngoku ukuba singenza ntoni, ayikho enye into esinokuyenza sizakulinda kula mapolisa ade aqukumbele oluvavanyo,” utsho.

Amapolisa aseMpuma Koloni awakwazanga kusiphendula xa sibuza ukuba bangaphi abantu beli phondo abalindele ezi ziphumo zolu vavanyo.