Zithengiswa ngeR10 izindlu zeRDP

UNoranti Zamela ngowokuqala ukufumana igunya lobunikazi bendlu yakhe eMalahleni eCacadu

Zithengiswa ngeshumi leerandi (R10) kuphela izindlu zikarhulumente eMpuma Koloni, ngenxa yokuba abahlali abanalwazi ngexabiso elikwezi zindlu.

Oku kuvele ngethuba kunikiswa ngeempepha ezigunyazisa ubunikazi kwizindlu nomhlaba ezimi kuwo kubahlali bakwa Wadi 4 eCacadu eMalahleni. Imanejala ejongene namagunya obunikazi kwizindlu kwisebe lokuhlaliswa koluntu uMziwonke Mpofana, uyale abahlali esithi mabazihloniphe izindlu abazakhelwa ngurhulumente.

“Zithengiswa ngeshumi leerandi izindlu zikarhulumente ngabahlali beMpuma Koloni kuba bekhangela indlela ezinqumlayo,” utsho uMpofana. Uthi indlu nomhlaba emi kuyo ngeyomnikazi kunye nesizukulwana sakhe. “Urhulumente uchitha imali ephaya kwikhulu namashumi asibhozo amawaka eerandi ngendlu nganye, masilihloniphe igunya lobunikazi bendlu,” uthethe watsho uMpofana.

Ngabantu abaliwaka abathe bafumana iziqinisekiso zobunikazi kwizindlu nomhlaba ezimi kuwo eMalahleni eCacadu.

Zizigunyaziso zobunikazi ezikumawaka asibhozo namakhulu amabini esele zinikwe abanikazi bezindlu eMpuma Koloni.

Ukanti zikumashumi asixhenxe anesixhenxe amawaka izigunyaziso zobunikazi ekusalindeleke ukuba zigqithiswe eluntwini, itsho ingxelo.

Ethetha kulo msitho, usodolophu waseMalahleni uNomveliso Nyukwana, uthi baza kuloyisa idabi lokugqithiswa kwezi zigunyaziso.

“Ngoncedo lwamasetyana ahlukileyo akwamasipala, sikwazi ukunqanda ingxaki ibiyenzeke kwezimpepha, zininzi esiza kuzigqithisa kungekudala,” utsho uNyukwana.

Naye akakhange aliphose ithuba lokukhuthaza abahlali ukuba bohlukane nomkhwa wokuthengisa izindlu ngemali encinci ukuvula iindawo zentselo kuquka neevenkile.

UNoranti Zamela (84), uthi yinto enkulu kuye ukufumana isiqinisekiso sobunikazi bomhlaba nobendlu yakhe.

“Ndivuya kakhulu, ndivuya gqithi kuba ngoku ndakubhubha abantwana bam benegunya kwindlu yam, bendingatsho ukuba ndingaze ndiyifumane le nto,” uthethe watsho Ingxelo yesebe lezindlu kuzwelonke ithi ngamakhulu asibhozo ebhiliyoni (R800 bn) imali efunekayo ukuze kuliwe ingxaki yezindlu ungekafiki unyaka ka2020.

Umphathiswa wesebe lokuhlaliswa kwabantu eMpuma Koloni uHelen Sauls August, uthi isebe lakhe lisajongene nomsebenzi wokunika abantu izindlu.

“Ngaphandle kwalo msebenzi wokunikisa ngezi zigunyaziso sinoxanduva lokuba siqinisekise ukuba wonke ubani ufumana indlu eMzantsi Afrika,” uthethe watsho uAugust.

Ukwasebenzise eli thuba ebongoza abantu ukuba baqiniseke ukuba kukho ilifa elibhaliweyo elenziwa likhaya malunga nobunikazi bendlu yekhaya xa umnikazi wayo ebhubhile, uthe akulunganga ukuthengiswa kwezindlu zikarhulumente.