Ongunyana kwabo bazinkokeli zebandla iVision Ministries Church in Zion, nabatshe babhubha ngumlilo kwilali yaseNyaniso (eMahlubini) eNgqushwa uthi, bebengenakuyibamba imiphefumlo yabazali babo xa ixesha lifikile, kodwa hayi ngendlela ababhubhe ngayo.
UNdimphiwe Mtalana (25), ongowesibini kubantwana ababini bakaVuyiseka (56) noMthunzi Mtalana (62), ebalisa ngesisehlo uthe: “Sive isikhalo sikamama esithi ‘yizani siyatsha’ ezinzulwini zobusuku ngoLwesine, kwabe sele ingamadangatya. Xa udadewethu omdala ephuma eyokubahlangula, uwe emnyango wakruneka kwanzima ukuya kufikelela kubo.”
“Emveni kokuzama ukubahlangula emlilweni, sibone ngokuthi cwaka kwelizwi likamama obekukudala likhwaza lifuna uncedo. Eyona nto sizakuyicinga ngabazali bethu luthando lwabo,” utshilo uMtalana.
Ukanti nosodolophu womasipala waseNgqushwa uSolomzi Ndwayana, ebetyelele naye kwelikhaya labo ngoLwesihlanu, ngokunjalo noceba wendawo kwakunye nesebe lentlalo yoluntu beyokugxwala emswaneni ngokokutsho konyana. Uthi bathembisile besithi bazakuthethana ngamalungiselelo omngcwabo.
Amagumbi amathandathu atshe onke kulo mlilo, kuquka nempahla ebezingaphakathi zibeluthuthu. Eli khaya lithi nalo alikaqiniseki ukuba ubangelwe yintoni umlilo, nangona esithi bakrokrela iintambo zombane.
Uthi ibingumbono ombi ukubona abazali babo bekula meko nanjengoko amalungu omzimba ebecholwa-cholwa ngethuba behlangulwa ngabacimi mlilo.
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!