Zityande igila Mbeki

Indawo yaseNcemerha yaziwa ngembali etyebileyo kuquka nenzalelwane yakhona uThemba Mtywaku obalasele ngokubhala amabali nemidlalo engolwimi lwesiXhosa. Enye yeencwadi zikaMtywaku neyayihlohlwa ezikolweni isihloko sayo sithi Iincwadi ezaye zibhaliwe.

Konke okwenzeka kulo mdlalo ubhalwe nguMtywaku kuvuselelekile engqondweni yam xa owayesakuba ngumongameli welizwe kunye nombutho olawulayo i-ANC, uThabo Mbeki, epapashe imbalelwano yesibini kwi website yeThabo Mbeki Foundation ngenjongo yokulungisa “iziphene ezibangele ukugqwetheka kwembali” kunye “nentlonti yokubhebhethekiswa kokungeyonyani” ngabathile “abakhele umkhanyo ulwazi oluyinyani”.

UMbeki uthi kubafundi beza mbalelwano: “Phakathi kwezinye izinto [ekuthethwa ngazo] aba bakhimkhanyo bathe uMbeki uziphakamisile, uyinkcuba-buchopho, echasele kumalungu e-ANC nasebantwini, unguntab’ayikhonjwa ongaphikiswayo, akafuni nokuva kwabazimvo ezahlukileyo kwezakhe, ubaneengcwangu ngathi uphathwe emanyeni ngabamgxekayo, ehleli nje akathembanga mntu ngokungathi uyaleqwa, wasebenzisa ngokugwenxa amagunya aseburhulumenteni ukuphuhlisa amabhongo akhe ezopolitiko, wachwethela bucala umbutho we-ANC ukufezekiseni umsebenzi wawo njengeqela elilawulayo ngokuthathela kwi ofisi kaMongameli amandla okuthatha izigqibo ngolawulo, nokunye nokunye.” Ngoku uzimisele ukusebenzisa ezi mbalelwano ukuphelisa “isithukuthezi esibangwa kukungaphosi mazwi ngelixa bekufanele okokuba kuthethwa phandle”.

Mna ke ndibona kuyinto eyamkelekileyo okokuba inkokheli le uThabo Mbeki izityande igila ngemiba eliqela edla umzi nethe yabalasela ngexesha wayekhokele.

Njengetshantliziyo elilwela amalungelo abantu nelibenegalelo ekuqinisekiseni okokuba umbutho olawulayo kunye norhulumente ulandela iinkqubo eziqinisekisa okokuba amalungelo axhanyulwa ngabantu bonke kuquka abasezilalini nabahlala ematyotyombeni, ndinethemba lokokuba kweminye imiba ayakuphefuma ngayo uMbeki ngochaphazela uhlobo awasingatha ngalo ingxaki yokuxhatshazwa kwabantu abafumana izibonelelo zikarhulumente, khona khona xa sijonge elonyulweni.

Sakukhumbula okokuba kuluhlu lwezibonelelo zikarhulumente kukho iSocial Relief of Distress nesisibonelelo ngeziqhuma zokutya, iingubo, kunye nempahla zokunxiba kwabazifumene besebugxwayibeni ngenxa yo kuthwaxa ziimvula ezinezikhukhula, izitshingitshane zomoya okhatshwa yinkanyamba, umlilo otshisa amatyityombe, njalo-njalo.

Okuqaphelekayo ngexesha lolawulo lukaMbeki kukuba nangona urhulumente ebebekela bucala imali yesi sibonelelo kuhlahlo-lwabiwo mali yaminyaka le olubhengezwa ePalamente ekuqaleni konyaka, isabelo sale mali besikholisa ukuxhoma ngeminyaka eyandulela ulwenyulo.

Loo nto yabangela iingxaki ezayanyaniswa nezityholo zokokuba umbutho olawulayo usebenzisa esi sibonelelo ukuthenga iivoti ngokudimbaza izighuma zokutya xa ugaya inkxaso yabavoti.

Umzekelo, ngomnyaka we2008 kwabekelwa bucala malunga ne R124 million ukujongana neendleko zeSocial Relief of Distress, mali leyo eyakhalazisa imibutho emininzi engekho phantsi korhulumente ngelithi ayanelanga xa kuthelekiswa ubunzima obuthwelwe ngamakhaya asokolayo nathwaxwe zizikhukhula kunye nemililo yamatyotyombe.

Kuthe kusenjalo ekupheleni konyaka we2008 urhulumente wengeza malunga ne R500 million kule ngxowa nekwakulindeleke okokuba isetyenziswe iphele ngaloo nyaka-mali owawuphela ngoMatshi ka2009. Kwiintlanganiso eziluthotho kuquka nezasepalamente kwacaca okokuba abeSebe leZophuhliso Lwentlalo Yoluntu kunye nabeSouth African Social Security Agency (SASSA) abanazandla zaneleyo zokusebenzisa le mali ngexeshana elifutshane ngohlobo oluqinisekisa okokuba ifikelela kwabo bafanelwe ukuncedwa yiyo. Nangona kunjalo isigqeba sekhabinethi asizange siyisele so imibono ethi le mali mayisetyenziswe ngobunono de iwelele nakunyaka-mali olandelayo endaweni yokukhokelisa izoyikiso zokokuba izakohluthwa xa ingasetyenziswanga yaphela.

Uqulukubhode owalandelayo awuthetheki kuba kwiindawo ezifana naseMtshezi eKwaZulu-Natal abantu babegxalathelana kumaziko eSASSA benyathelana kwade kwaphuma isidumbu. Unobangela yayizinkokheli ezithile zezopolitiko ezazityhutyhatyhutyha iilali neelokishi zigaya inkxaso yabavoti zisithi abalandeli bombutho wazo mabaye kuthatha iziqhuma zokutya kumaziko eSASSA.

Oku zinkwenza zikwanyanzelisa amagosa eSASSA okokuba aqale ngabalandeli bamaqela athile ezopolitiko xa enikeza ngeziqhuma zokutya, iimpahla zokunxiba okanye ii-voucher zokuyokuthenga ukutya.

Ndichukunyiswa yinto yokokuba usaxhaphakile kunanamhlanje lo mkhuba wokuxhatshazwa kwabantu abaziimbedlenge kusetyenziswa izibonelelo zikarhulumente eziquka iziqhuma zokutya. Izityholo zoku zivakele ngethuba kusiyiwa kulonyulo lovalo-zikhewu zooceba kumasipala waseTlokwe okwiphondo loMntla-Ntsona. Zivakele kummandla waseMasiphumelele, Khayamnandi, Mfuleni, Imizamo Yethu ezikwiphondo leNtshona Koloni kunye nezinye iindawo apho kutshe amatyotyombe.

Iyakuba bubulumko okokuba uMbeki aphawule ngoku ngohlobo apho olungakhomba umthombo walo mkhwa kunye nohlobo ongavalwa ngawo sithi sonke ngokubambisana. Ucingo luwile, kutsiba nezimithiyo!