Zivaliwe iinyoba eziphambili eMpuma Koloni

Zivaliwe iindlela ngenxa yekhephu.

Inyoba iBarkly Pass kuhola wendlela uR58 phakathi kweBarkly East neLady Grey ivaliwe ngenxa yokuwa kwekhephu kula ndawo.

Inyanga yeKhala yinyanga yokudilika kwekhephu kwiindawo ezikumbindi weMpuma Koloni minyaka le.

Oku kubangela ukuphazamiseka kwezithuthi ezindleleni logama amafama nawo achaphazeleka ngokumandla.

Othethe egameni leSebe lezothutho eMpuma Koloni, u-Unathi Binqose, uthi abaphumlanga bezama ukubeka isimo phantsi kweliso elibanzi.

“Uhola wendlela uN6 ukusuka eJamestown naye uchaphazelekile kukuwa kwekhephu, iLootsburg kwakunye neWapadsberg kuR61 eKaladokhwe, amagosa ethu alapho ukuqinisekisa ukhuseleko,” kucacisa uBinqose.

Uthi ukuvalwa kwenyoba yaseBarkly East kuhambelana nengxelo yoqikelelo lezanuse zezulu ebonisa ukuba kuseza ikhephu elininzi kula ngingqi.

“Izanuse zezulu zithi kusalindeleke ukuba ehle kakhulu amaqondo kwiingingqi eziquka iBarkly East neLady Grey, ngoko ke ukuvalwa kwale nyoba kuhambelana nolo lwazi,” kutsho uBinqose.

Uthi kukho ingxelo zokuba kukho iimoto ezivaleleke kwiintaba zaseBarkly East ngenxa yokukhithika kwekhephu.

Ukuwa kwekhephu yinzuzo kumafama kuba amanzi walo angena nzulu emhlabeni ekulindeleke ukuba ulinywe kungekudala.

“Sibongoza abaqhubi bezithuthi ukuba baqinisekise ukuba bayaziphepha iindlela ezikhokelela kwezi nyoba zixeliweyo ngeli xesha,” kutsho uBinqose.

Inyoba iPenhoek phakathi kwedolophu yaseKomani neJamestown nayo kulindeleke ukuba ichaphazeleke njengoko liqhubeka ukuwa ikhephu kumantla eMpuma Koloni.