Zivuliwe izikolo eChizele, eDutywa, nangona izinto zingaphelelanga

Abafundi baseNaki Junior Secondary School bekrozile ngomhla wokuqala. Umfanekiso: Pedro Mapelo

UMvulo wale
veki ibilusuku lokuqala lokuvulwa kweengcango zezikholo emva kwesithuba
esingaphaya kweenyanga ezimbini zivaliwe. Inkqubo yokufunda yanqunyanyiswa
eMzantsi Afrika emva kokuqhambuka kwekhorona kwiinyanga ezidlulileyo. Emva
kokungavulwa kwazo ngomhla wokuqala owawubhengezwe nguMphathiswa weZemfundo
eSisiseko, u-Angie Motsheka, izolo zide zavulwa – kodwa hayi ngendlela
ebilindelekile. I’solezwe lesiXhosa lityelele izikolo ezithandathu izolo. Zonke
izikolo zithe zizifumene izinto zokukhusela ikhorona noxa zingekapheleli kwezinye.
Nangona ootitshala bebekhona ezikolweni – kodwa inkqubo yokufundiswa
kwabantwana ayikwazanga ukuqala kwezinye kuba bekusacocwa amagumbi okufundela.
Kukhangeleka ngathi ukufika nganye nganye kwezikhuseli ngoyena nobangela
obambezelele ukuqala kwezifundo ezikolweni zaseChizele, eDutywa.                        

Laphumilanga J.S.S. – Ootitshala bebekhona nabantu abancedisayo
ngeli thuba lekhorona – kodwa babini kuphela abantwana bakaGrade 7 abayileyo
esikolweni izolo. Akucacanga kakuhle nokuba awuvakalanga kakuhle na umhla
wokuvulwa kwezikolo okanye abazali bathe mabahlale abantwana kuba besoyika
kusini na. Izibulali zeentsholongwange nezinye izinto zokuzikhusela zafika
esikolweni. ILaphumilanga sesinye sezikolo ezinenani eliphantsi labantwana
ekungalindelekanga lisokole kwinkqubo entsha esetyenziswayo nokuba babuyisiwe
abanye abantwana bamanye amabanga ngoba inamagumbi oneleyo.

                                                              

Thompson J.S.S. – Nakwesi isikolo, inkqubo yokufundiswa
kwabantwana ayikwazanga ukuqala izolo ngenxa yezinto zokucoca isikolo ezifike
kade. Ootitshala bebekhona bonke – kodwa abantwana kuthiwe bangaqala ukufunda
ngomso (uLwesithathu) emva kokuxhotyiswa kwabo nasemva kokucocwa kwesikolo.
“Sisemva kwicala lamalungiselelo. Khange sikwazi ukufika ngosuku ebekufanele
ukuba sifike ngalo singootitshala ngoba umyalelo wathi singangeni esikolweni
singaqinisekanga ngokhuseleko. Kungona siqala phantsi namhlanje (uMvulo)
ukulungiselela ukuza kwabantwana esikolweni. Ngokwemeko ekuyiyo, kuyanyanzeleka
sicocile phambi kokuba bangene abantwana,” itshilo inqununu, uMnu. uThando
Bonani.

                                                              

 Collywobbles J.S.S. – I’solezwe lesiXhosa lifike isikolo sivuliwe.
Abantu abebekhona ziititshala nabantu abaqeshelwe ukucoca isikolo. Inqununu
yesikolo, uNksz. uNosakhiwo Mvuleni, uthe ngabo bodwa (ootitshala) abaye
esikolweni izolo ngoba bafuna ukuqinisekisa okokuba amagumbi alungile kwaye
phambi kokuthetha nabantwana nabazali phambi kokuqala umsebenzi.
“Asikakulungeli ncam ukusebenza. Namhlanje siza kubamba intlanganiso nesigqeba
esiphethe isikolo (SGB), ngomso (Lwesibini) siza kubamba intlanganiso nabazali
nabantwana abaza kuqala isikolo ukuze ndikwazi ukubaxelela ngayo yonke into
yeKhovithi-19. Zikhona izinto zokuzikhusela – kodwa izibulali-ntsholongwane zabantwana
aziphelelanga. Bekufanele bazise iimbombozi ezilishumi elinambini, kodwa kufike
ezine qha. Iza konela kodwa le ikhoyo ngoba uGrade 7 wam unabantwana
abangamashumi amathathu. Siza kusebenzisa amagumbi amabini okwangoku – kodwa
sakubanayo ingxaki xa sekufike nabanye abantwana. Ziza kusiqhuba noko ezi
zikhoyo kwaye namanzi akhona,” utshilo uMvuleni izolo. Usihlalo wesigqeba
esilawula isikolo (SGB) uthe bazimisele ukubamba intlanganiso nabazali kuqala
ukuze bakwazi ukucacisa yonke into eyoyamene neKhorona phambi kokuqala
kwezifundo.

                                                             

 Naki J.S.S. – Sesinye sezikolo esithe sesigqibile
ukulungiselela. Iititshala, abantwana namalungu alawula isikolo ebekhona. Umntu
ongena esangweni ebetshizwa ngesibulali-ntsholongwane, kuthathwe iinkcukacha
zakhe. Nangaphakathi bekulandelwa inkqubo efanayo. Abantwana bebekhona, bonke bebezogqume
ngeemaskhi. “Yonke into karhulumente izile. Ngoku siza kubamba intlanganiso
nabazali ukuze sazise abantwana ngenkqubo yekhorona eza kulandelwa. Amanzi
akhona, sinamatanki amane agcwele amanzi. Abantwana abakhoyo balishumi
elinesihlanu. Bebonke bangamashumi amabini kwaGrade 7. Bonke abantwana abakhoyo
bazifakile iimaskhi kwaye bayazihlamba izandla rhoqho. Sisazama ke kodwa amanzi
aza kukhawuleza aphele, urhulumente akakhawulezi. Sonke siziititshala
sikulungele ukuqala umsebenzi njengokuba ubona nawe. Abantwana baza ngokuza
ngoba abazali bayoyika – kodwa abale ilali aboyiki. Siza kuthetha nabantwana
namhlanje ukuze ngomso sifundise ngoba basemva,” utshilo uMnu. Thembekile
Mazwayi, inqununu yesikolo.

                                                               

Gem J.S.S. – Ekugalelekeni kwalo I’solezwe esikolweni,
abantwana bebekhona. Esangweni bebekhona abantu abajonga ubushushu nabezibulali
zentsholongwane. 
“Izikhuseli
(PPE’s) zafika – kodwa zingaphelelanga. Ngokomthetho kufanele umntu ngamnye
(utitshala nabancedisi) abe neemaskhi ezimbini – kodwa sibone kufika ezilishumi
elinesihlanu qha. Ndithe xa ndithetha nabantu abebezise impahla, bathi
ngabantwana abaza kufumana iimaskhi ezimbini umntu ngamnye. Lo nto ithetha ukuthi
iimaskhi ezilapha phambi kwam zezethu nabantu abasebenza apha esikolweni
abahlanu. Zifikile nazo izibulali-ntsholongwane zootitshala nenye esembombozini
eyokucoca amagumbi. Zifikile ke nezabantwana besikolo kwiveki ephelileyo. Bathe
baza kuphinda bathumele ezinye. Sisathetha ngokungapheleli kwazo izinto,”
utshilo uMnu. Vuyo Madyantya, inqununu yaseGem enabantwana abalishumi
elinesibhozo kwaGrade 7.

                                                              

Vulingcobo S.S.S.   Besivuliwe isikolo. Abantwana nootitshala
bebekhona ngomhla wokuqala. “Zifikile izinto zabafundi bakaGrade 12. Bonke
abafundi bafumene ngokwaneleyo. Ngamakhulu amabini anamashumi amabini weemaskhi
zabafundi, bashiya nezibulali zentsholongwane. Ziza kubonela ezi zikhoyo.
Itanki lamanzi belizisiwe – kodwa alikwazanga ukufakwa ngoba sikulo mqwebedu,”
itshilo ingxelo efunyenwe leli phephandaba.