Zivuliwe kwakhona izikolo zaseXhorha

Zingenelele iinkosi zeelali zaseXhorha ngeenjongo zokuphelisa uqhankqalazo oluthathe iiveki ezine luqhubeka nolubangele ukuba kuvalwe izikolo kula ndawo.

Le ngxelo ithi, ezi nkosi zimemelele indibano kunye nabahlali abebeqhuba uqhankqalazo obelukhalazela iindlela, umbane kwaneenkonzo zikamasipala.

Ethetha nephephandaba I’solezwe lesiXhosa kwiveki ephelileyo uNkosi Vuyani Gwebindlala uthe, abananjongo zokusebe-nzisana norhulumente ukusombulula le ngxaki koko bazakuthetha nabantu babo.

“Asikwazi kwenza into ethethwa ngurhulumente apha kuba bangene ezilalini zethu ngaphandle kwethu, esizakukwenza kukuthetha nabantu bethu kuvulwe oku kwezikolo abantwana bafunde,”ucacise watsho uGwebindlala.

Kutyelelo lakhe kwezi lali umphathiswa wesebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli uFikile Xasa ubongoze iinkosi ukuba zidlale indima yazo kule ngxaki.

UNkosi Xolile Ndevu obeyinxalenye yezi ntlanganiso uthi bavene banahlali ukuba kunqunyaniswe uqhankqalazo kunikwe abantwana ithuba lokuba babuyele esikolweni.

“Sivene ukuba luzakunqumama uqhankqalazo okwethutyana, lo gama kukhangelwa izisombululo kwezi ngxaki sinazo singabahlali, zona izikolo ziqalile ukusebenza nangona ezinye kusekho ukoyika,”ucacise watsho uNdevu.

Lo kaNdevu uthi bakwiphulo lokuba benze awabo amacebo okulwa neengxaki ezibangele olu qhankqalazo. “Phakathi kwezinto esivumelene ngazo kukuba kuzakumiselwa ikomiti yabahlali ezakuthi ijongane nezi ngxaki ngokuthi ibengalo malungu aya kula masebe xa kukho imfuneko,” uthethe watsho uNdevu.

UNdevu uthi, eli gqiza lizakuhlasela ezi ngxaki ngokuthi ziye kumasebe achaphazeleka kuloo ngxaki ngelo xesha kufunyanwe isisombululo ngaphandle kokwenziwa komonakalo.

Othethe egameni lesebe lemfundo eMpuma Koloni uMali Mtima uyangqina ukuba imeko ibuyele esiqhelweni kwingingqi yaseXhorha. “Ewe ziyasebenza ngoku ngaphandle kwengxaki izikolo zaseXorha, okwangoku asikakwazi ukuqikelela ilahleko eyenzekileyo ngenxa yokuvalwa kwezi zikolo ngokwenkqubo yokufunda nokufundisa,” utshilo uMtima.

Isikolo samabanga aphakamileyo iNgangolwandle sesinye sezikolo ezithe zachaphazeleka kule meko ngenxa yolu qhankqalazo.