Ziwongiwe iinqununu zaseBhayi

Umlawuli wezemfundo kummandla wase Nelson Mandela uErnest Gorgonzola exhamla uNtobeko Henna oyinqununu kwisikolo sase Motherwell i-Enkwenkwezini Primary School, henna nezinye iinqununu banikwe izatifikethi emva kwalomsitho

“Mazohlukane nokuzithandisa kootitshala bazo ngezinto ezimbi iinqununu zezikolo zase Bhayi”. Oku kuthethwe ngethuba isebe lezemfundo kwisithili sase Nelson Mandela belivalelene neenqununu zalendawo kwintlanganiso yokuzixhobisa.

Eli sebe belibambene ngazo ngenjongo zokukhuthaza nokuxhobisa iinqununu zezikolo eziphantsi kolawulo lelisebe elibizwa ngokuba yi Algoa Circuit Management Centre(CMC).

Lo msitho ububanjelwe kwiholo yesikolo esaziwa ngokuba yi Pearson High School eSummerstrand ubandakanya izikolo zaKwaZakhele, eMotherwell, eSummerstrand nase New Brighton.

Ongusihlalo wekomiti ye Algoa CMC uPhumla Phinda-Nyoka uthe lo msitho ubanjelwe ukukhuthaza nokwakha ubudlelwane nentsebenziswano phakathi kwesebe neenqununu ezona njongo ikukuncedisa ekunyuseni izinga leziphumo kulommandla.

Uhambise wathi kulonyaka nakule ilandelayo bajonge lukhulu ekunyuseni umgangatho wemfundo neziphumo ezihle nokwenza umahluko kwimfundo yabantana esithi babethelela ukuba iinqununu zime ngenyawo zinyuse iikawusi kwimiba ephathelelene nemfundo esithi yonke imiba efana namabanga , amagumbi okufundela, nezifundo ezifundwayo esikolweni zibalulekile ngokulinganayo.

Ethetha kulo msitho umlawuli welisebe kulo mmandla uErnest Gorgonzola uthe zininzi iinguqu ezizakwenzeka ezikolweni watsho echaza ukubonelelwa kwabantwana babathatha kade ezifundweni njengenye yazo, uthe aba bantwana baza kuncediswa ngokufunelwa izifundo zobungcibi endaweni yento eqhele ukwenzeka yokubankhuphela ngaphandle esikolweni ngenxa yeemeko zabo.

“Iinqununu maziqinisekise ukuba bonke abantwana bayahlolisiswa phambi kokuba bamkelwe ukwenzela ukuba baziwe babonelelwa abo babonikalisa ubuthathaka ezincwadini”.Utshilo.

Yena uGeorge Lukwe oyingcaphephe yezemfundo kulendawo ukhuthaze ezi nqununu esithi maziyeke ukudyivaza ngezimali esithi kulonyaka bafumene umnconwana kuhlahlo-lwabiwo mali watsho esithi mazizenze ngako konke zisebenzise oko zinako.

“Ncedani zinqununu hlukanani nokuba ngoovumazonke koogxa benu nivumele ukusetyenziswa kakubi kwezimali zesikolo, ynke imali esetyenzisiweyo mayaziwe apha iye ngakahona ingabi ngunam nawe xa ibuzwa, sanukufuna ukuthandwa, kuzakukhala eny’ intwana kungekabi ntsuku zatywala kuba abaphicothi zincwadi baza kutyelela isikolo nesikolo ngenjongo zokutyhila iincwadi zenu zokusebenza nokujonga izimali,” utshilo.

Ulekele ngelithi ootitshala abanalungelo lokugxotha abantwana ezikolweni.