Zixakwa kukuhamba iimoto eKhwanyana

Ingaphezulu kwamashumi amabini iminyaka abahlali baseLujecweni, eKhwanyana eSajonisi benethemba lokwakhelwa indlela kodwa oko akude kwenzeke.

UBulelani Sobetshe noneminyaka engamashumi amane ubudala uxelele I’solezwe ukuba iimoto zabo zifa mihla namalanga ngenxa yomgaqo ongekho semgangathweni wokuba kuhambe iimoto.

“Sizokuthini sihamba kuyo inje kuba asinandlela yimbi esinokuyisebenzisa ngaphandle kwayo nangona isityabula epokothweni kuba kufuneka sithenge amavili amatsha rhoqo, siphinde silungise iimoto zethu,” utshilo uSobetshe.

Abahlali bale ndawo baye bangakwazi kuhamba xa imvula inethe ngamandla kuba amatye awa endleleni, ibhulorho igcwale amanzi nendlela igrumbeke, kungahambeki.

“Andiyazi nokuba lilishwa okanye asikhathalelwangwa ngaba bantu bekufanele ukuba basikhathalele,” utshilo uSobetshe.

Uqhube wathi ngethuba ekhula iindlela bezimbi kakhulu kodwa wanethemba lokuba abantwana bakhe baza kuthi bekhula bakhule konke oko sele kulungisiwe.

“Kwakungcono ngela xesha lethu. Okubuhlungu kakhulu ngethuba sivotela uceba sakhetha umntu ozalelwe kule lali kwaye ozaziyo iintlupheko zabahlali, kwaye sasinethemba lokuba uza kusihlangula kodwa usitshonisile ingathi ngumntu weny’indawo,” utshilo uSobetshe.

Omnye wabahlali bale ndawo uthe ukusuka eBuzongoma nekulapho kuqala khona igrabile xa besuka edolophini, bekumele ukuba kubathatha nje imizuzu elishumi elinesibini ukuba bafike eKhwanyana, kodwa bathatha imizuzu engamashumi amathathu, ze iimoto ezincinane zithathe into engangeyure.

“Umgama wokusuka apha usiya elalini yi18km xa uhamba ngo20km/* , endaweni ka60km/* , konke oko kwenziwa yindlela embi ekunzima kakhulu ukuhamba kuyo,” utshilo.

Uqhube wathi okubuhlungu kakhulu ngale ndlela kukuba abantu abakwazi kufikelela ekliniki nakwezinye iindawo.

“Abantu bade babhubhe apha xa kunetha kuba akufikeleleki ekliniki ngenxa yale ndlela ebonakala ingamkhathazi uceba wethu,” utshilo umhlali.

UZolile Maqhina nonguceba wakwaWadi 3 oneengxaki yendlela, uthe abahlali abathethi nyani xa besithi indlela ayenziwa.

“Mna ndiyayothuka le nto bayithethayo kuba le ndlela ibilungisiwe ngeyeThupha wonyaka ophelileyo, kodwa iimvula ezinkulu ezisandul’ ukubakhona apha zizo ezimoshe le ndlela,” utshilo uMaqhina.

Ebuzwa ukuba iza kuphinda ilungiswe nini na nanjengoko ingabonakali njengendlela ebikhe yalungiswa, uphendule wathi kungekudala abahlali baza kubona umohluko kuba iza kuphinda ilungiswe kwakhona.

Omnye wabaqhubi bezithuthi zikawonkewonke uxelele I’solezwe ukuba uceba wabo akananyani kwaye lo nto iyabonakalisa ukuba akabakhathalelanga.

“Kudala le ndlela yaba nje nawe uyazibonela, akukho nento ethi yakhe yalungiswa kuba ke into emoshakele ilungisiwe iyabonakala, zange kwalungiswa nto apha, masingabhanxwa ngulo ceba.”