Zixatyelwe ngezembe iinkonde ngumzukulwana

Ngumfana onamashumi amabini anesibhozo (28) ubudala olindeleke ukuba avele kwiNkundla yamaTyala yakuQoboqobo, emva kokubanjwa kwakhe ngamaPolisa malunga netyala ajongene nalo lokubulala abantu abadala ababini, onamashumi asixhenxe anesithathu (73) ubudala kwakunye nonamashumi asibhozo anesithathu (83) eminyaka ubudala.

Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Siphokazi Mawisa ithi, oku okwenzeke ngoMgqibelo kwikhaya labo, kwilali iCata kude ukufuphi naseQoboqobo.

Amapolisa asabele kwikhwelo labahlali nafike abona lombono mbi wabantu abadala bedunduluzile. Umrhanelwa nokukholelwa ukuba usisihlobo kwesi sibini uye wabanjwa ngabahlali.

UMkomishinala wePhondo leMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene usikhalimele esisenzo.