Zixhalabile izizwe ezimanyeneyo ngeMpox eAfrika

Umbutho ojongene nemicimbi yezempilo kwizizwe ezimanyeneyo, iWorld Health Organisation, uthi uxhalabile yimeko yesifo seMpox kumazwe aseAfrika.

Lo mbutho umemelela ukuba kungxanywe kwenziwe iinzame zokulwa nesi sifo kumazwe aseAfrika.

URosamund Lewis weWorld Health Organisation ethetha namajelo eendaba ucacise ukuba kukho imfuneko yokuba kungxanywe ukulwa nesi sifo.

“Kukho imfuneko yokuba kukhawuleziswe ukulwa ukunaba kwesi sifo kumazwe sele siboniwe kuwo eAfrika,” kucacisa uLewis.

Esi sifo sele sihlasele abantu abalishumi elinesithandathu kweli loMzantsi Afrika ukusukela oko siqalile ukubonakala kwiindawo ezahlukeneyo zeli. Bangaphezu kwamakhulu amane abantu ababhubhe sesi sifo kwilizwe laseCongo.

Ngabantu abangaphezu kwamawaka asibhozo abafunyaniswe ukuba bahlaselwe sesi sifo kwakwela lizwe. UGqirha uCris Kacita nguye ojongene nengxaki yokunaba kwesi sifo kwilizwe laseCongo.

“Esi sisifo esosulela ngokudibana nalowo unaso, ezinye zeempawu eziphambili ngumkhuhlane ongalawulekiyo,” kutsho uKacita.

Kukho imiqobo kwiinzame zokulwa ukunaba kwesi sifo ingakumbi kumazwe aseAfrika, uKacita uqinisekise oku.

“Kumanye amazwe ehlabathi kuveliswe amachiza okugonya, logama kukwasetyenziswe ezinye iindlela zokulwa esi sifo, ingxaki yamazwe aseAfrika kukuba awakho amachiza okugonyela esi sifo kwilizwe laseCongo,” kutsho uKacita.

Kuthiwa ngamaphondo angamashumi amabini anesine kumaphondo angamashumi amabini anesithandathu achatshazelwe sesi sifo seMpox eCongo.

Esi sifo sihlasela nokuba ngubani asinato yokwenza nesini, ulwimi okanye imvelaphi yomntu, itsho ingxelo.