Ziya KwaZulu iintombi zamaXhosa nezabaThembu!

UKagiso Ndima, umfundi kwibakala leshumi elinanye, eMilton Mbekela eQunu, uthi ukukhuliswa ngumakhulu wakhe akuzange kubeyimpazamo kubomi bakhe kuba wafunda izinto ezininzi akhule nazo. Uthi uhlobo lokuziphatha xa uyintombazana yintlonipho kwanokubaluleka kokwazi inkcubeko.

UNdima ukutsho oku ngethuba encokola neli phephandaba. Ungomnye wamagqiyazana eli phondo aze ngobuso ezweni azakuthi ayokumela izizwe zawo eICC, eThekwini, kukhuphiswano lwee ntombi nto olubizwa ngokuba yi-Indoni Miss Cultural South Africa.

Olukhuphiswano luzakuba ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga esijonge kuyo.

Le ntwazana yakuGogozayo eMqanduli nezidlayo ngenkcubeko kwana ngamasiko wayo ithi, ixhala ayinalo ngolu khuphiswano.

“SingabaThembu, sidumile ngomxhentso, sidumile nangokombela. Ulwazi lona ngezinto zesiNtu ndinalo kuba ndikhuliswe ngumakhulu wam owaye sixabisile isiNtu. Iingcambu kwakunye nenkaba yam zilapha, amasiko ndiwenze apha akukho nanye into endingayaziyo. Into eyakuthi ndiyibuzwe pha indixake iyakuba intsha,” utshilo uNdima

UNdima, uthi kukuziphatha kakuhle kuphela kwanokumamela, ukuhlonipha abantu abadla kwanoku buxabisa ubuntombi bakho usekwiminyaka elula ekumenze wapha. “Ndikhuliswe ngumakhulu obesoloko endixelela ngohlobo bona aba bekhule ngalo kudala-dala esithi, babenxiba iinckiyo bona bekhula bemamela kwaye bengalingeki. Kwaye bezazi ukuba intombazana kufanele itye ntoni kwaye mayilindele umtshato,” utshilo. Uthi, ngethuba wayefaka isicelo sokungenela kolu khuphiswano waye faka nje zange ayilindele ukuba angade abe kumagqibela kanqkoyi ayokumela isizwe sakhe. Uthi ngaphandle kukatitshala wakhe uLouisa Mdunyelwa wezifundo zobugcisa nenkcubeko kumabanga aphantsi eUpper Ngqungqu ngengekho kulendawo akuyo namhlanje. “Nguye owandikhuthaza ekubeni ndingenele, ikwa nguye nowathi wandivuselela ngobuthandazwe ndisekuma- banga aphantsi. Njengokuba xa waye sihlohla wayeyiphila le nto wandenza nam ndayiphila ngaphakathi. Wayengumzali engutshomi esenza sizive sikhululekile ukuthetha naye,” woleke ngelo uNdima.

Ushiye ilizwi koogxa bakhe abasathe phithi bubomi esithi, ithuba lisekhona – umntu angatshintsha abuyele kwisimo sakhe. Ungamvotela: Kagiso Ndima “Indoni THEMBU 48496” Uphinde uvotele uSinalo Dada omele isizwe samaXhosa uthi: “Indoni Xhosa 48496