Ziyabethana izimvo ngengxelo yaseMarikana

KUSABETHANA izimvo kumaqela awohlukeneyo ngengxelo yeKomishoni yase Marikana nebiphanda isizekabani sokubhubha kwamashumi amane anesine kugwayimbo lwabasebenzi mgodini lango -2012.

Le komishoni ebichotshelwe yijaji edla umdlala phantsi * -Ian Farlam igxekiwe ngamaqela awohlukeneyo kuba ingafumananga bugwenxa nakomnye kwabezopolitiko. Ingxelo yale komishini ishiya icekwa kuRiah Phiyega ongumkomishinala wamapolisa ngelithi makaphandwe ukuba ukufanele na ukuba kwisikhundla akuso. Zombini iimanyano zabasebenzi kulo mgodi zigxekiwe ngendima ezayidlalayo , Kodwa imanyano ye-Amcu ithi okufunyaniswe yile komishoni ngayo bubuvuvu. Amalungu ale manyano akhwele ezehlela kwingxelo yale komishini.

UXolani Nzuza awayengomnye weenkokheli zabasebenzi kolo qhankqalazo ugxeke ingxelo yale komishini njengenkcitha xesha. OkaNzuza ngomnye wabo babenika ubungqina kule komishini. Amalungu ale manyano athi oko kufunyaniswe yile komishoni ngakule manyano bubuvuvu kuba ayengathunywanga yile manyano ukuba abambe uqhankqalazo. ULindani Skhosana ongomnye wabasebenzi abababambe uqhankqalazo uthe, “Imanyano ye – Amcu yayingekho eLonmin phambi kokuba sibambe ugwayimbo. UJoseph Mathunjwa sasingamazi ngeli xesha ame phambi kwethu esicenga ukuba sibeke phantsi izikhali.” Ukanti imanyano iNational Union of Mineworkers ithi iyazamkela iziphumo zale komishoni nangona isayetyisa ngokupheleleyo.

Le manyano ithi ifuna ubulungisa ngakumalungu ayo awabulawa phambi komhla weshumi elinesithandathu kwanalawo abulewe kwiziganeko ezahlukeneyo emva kwelo suku.

Le manyano ikwathi iyavumelana nezisolo zale komishoni kwi-Amcu, nefunyenwe ukuba isebenzise ugwayimbo njengendlela yokugaya abalandeli, kwanengxelo ngakulwimi olukrwada elalisetyenziswa ngabo babekuqhankqalazo.