Umbutho weenkosi zemveli iContralesa eMpuma Koloni uthi awuwamnkeli umthetho oyilwayo iCommunal Land Bill.
Usihlalo walo mbutho kweli phondo uNkosi Mwelo Nonkonyana uthi, lo mthetho uzakubabuyisela emva ngokuthatha igunya labo lomhlaba.
“Lo mhlaba walelwa ngotat’o- mkhulu bethu, eli gunya leenkosi emhlabeni lisuka apho. Asilifuni olu hlobo lokulawulwa komhlaba luzayo,” utsho uNonkonyana.
Ngokwalo mthetho uyilwayo, amakomkhulu azakunikwa iimpepha eziwavumela ubunikazi kumhlaba lowo. Lo mthetho ukwakhuthaza ukuba kumiselwe amaqonga ophuhliso norhwebo azakuba phantsi kwamakomkhulu lawo.
“Ukunikwa iphepha elivumela ubunikazi bomhlaba yinto esingayifuniyo singabanikazi bomhlaba ngokwemizabalazo eyenziwa ngotat’omkhulu ukufumana lo mhlaba,” uthethe watsho uNonkonyana.
Othethe egameni lesebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli uMamnkeli Ngam uthe: “Iingcango zethu zihlala zivulekile ngamaxesha onke, wonke ubani onesikhalo ngalo mthetho uyilwayo kuquka neContralesa leyo banegunya lokuthetha neofisi yethu ukuze kuhlaliwe phantsi kusonjululwe ingxaki.”
Ingxelo ithi, ingxaki yomhlaba kweli iqale emva kokuba kwathi kwapasiswa umthetho obizwa ngokuba yiNative Land Act yonyaka 1913, ubunganga balo mthetho buvuselelwe ngumthetho obizwa ngokuba yiBantu Authorities Act yonyaka ka1951.
Ukanti iKumkani yamaXhosa, uMpendulo Sigcawu naye ukhe wazivakalisa izimvo zakhe ngalo mcimbi.
“Okona kusidanisayo kukuba ezi zimvo siyazichaza ngale mithetho, kodwa xa ipasiswa ipasiswa ngaphandle kwezimvo zethu, nalo uzakuhambela phambili nokuba asithandi, yona izakuba khona ingxaki,”wathetha watsho uSigcawu.
Lo mthetho ugunyazisa ukuba kutyunywe ibhunga lekomkhulu, elo gqiza kufuneka ukuba amashumi amane eepesenti ekhulwini ibe ngabantu abonyulwe ngabantu, kwaye namakhosikazi kufuneka etyunjiwe nawo ukuba athathe inxaxheba.
UNonkonyana uthi, wonke umhlaba welizwe loMzantsi Afrika ngowenkosi.
“Amanye amasolotya alo mthetho singawavumela ukuba asebenze ezidolophini, hayi kwintlalo yasezilali imihlaba yasezilalini ilawulwa ngokweenkosi kuphela,” ucacise watsho uNonkonyana.
siyabulela.mqikela@inl.co.za
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup