Amaqondo obushushu obunganyamezelekiyo obukhatshwa ngumoya ovuthuzayo ziimpawu eziphambili zokuba kukho imbalela kwiindawo ezithile zeMpuma Koloni.
Kwezo sele ziqaphelekile kuquka uMntla Mpuma weMpuma Koloni apho sele kuziintsuku imvula inganethi. Imvula enqabileyo kwezi ntsuku iza kwenzakalisa ngaphandle kwamathandabuzo ukutya okusele kuphumile emasimini.
Ukusukela ekuqaleni kwenyanga ephelileyo, amafama wombona eMpuma Koloni aqalise ukutyala umbona osele umagqabi mane ukuya phezulu ukuza kuthi ga ngoku.
Kwezinye iindawo umbona sele uqalisile ukubonisa ukuba uyoyiswa yingqatsini yelanga, oku kuxela ukuba ngenene imbalela ingxamile.
Umbona osanyamezeleyo ngulowo ukwiindawo ezinomhlaba ogcina ukufuma ngaphantsi, ngenxa yoko umbona unokufuma okusezingcanjini.
Umbona otyalwe kwiindawo ezinomhlaba ongakwazi ukugcina ukufuma kwamanzi ngaphantsi uqalile ukutsha. Amafama asezilalini asoloko ebetheka kabuhlungu kwiimeko zokunqongophala kwemvula kuba awakwazi ukunkcenkceshela.
Ngamafama anezixhobo zokunkcenkceshela kuphela azakuthi akwazi ukuqhubela phambili nomsebenzi wokukhulisa umbona.
Kwelinye icala, amafama wasezilalini awakwazi ukufikelela kumaxabiso aphezulu ezichumiso ngoko ke ngaphandle kwamathandabuzo aza kuba sengxakini kule meko.
Imbalela amaxesha amaninzi ihlasela imfuyo kwakunye nezinto ezilinyiweyo, kodwa okwangoku kutshabalala izityalo emasimini nasezigadini. Ngomhla weshumi elinesithathu kule nyanga kaDisemba uqikelelo lezanuse zezulu zibone ukuba kuza kubakho ubushushu obungaqhelekanga kwiindawo eziquka uMasipala waseWalter Sisulu nakuMasipala waseMakanda kweli leMpuma Koloni.
Ingqikelelo yemvula eyenziwe ngaphambili ayikhange inike imvula kweli leMpuma Koloni kwizihlandlo ezigqithileyo. Ukutshintsha izityalo kubalulekile kumafama ukuze akwazi ukufumana isivuno ngexesha lokuvuna. Izityalo ezifana neetapile zinganceda ukuba umfama akwazi ukufumana ingeniso ekuqaleni konyaka ozayo.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!